﻿

Isicelo selayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Xa kuthethwa ngenqanawa yokuloba yeli lizwe kubhekiswa kwinqanawa  ebhaliswe phantsi koMbuso weFlegi yaseMzantsi Afrika enikwe iSatifiketi soKhuseleko soGunyaziwe woKhuseleko loLwandle waseMzantsi Afrika, ekuthiwa yi-South African Maritime Safety Authority  kunye neLayisensi yeNqanawa yeSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho ekuthiwa yi-Department of Environmental Affairs and Tourism . Le nqanawa kufuneka:

ibenobunikazi kwaye ilawulwe ngokupheleleyo ngumntu okanye abantu baseMzantsi Afrika, okanye
ibenobunikazi kwaye ilawulwe ngokupheleleyo lilo naliphi na iqumrhu leenkampani, umbutho okanye naliphi na iqumrhu labantu elifakwe okanye elisekwe phantsi kwemithetho yeRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, kwaye apho isininzi sezabelo kunye namalungelo okuvota alawulwa ngabantu baseMzantsi Afrika.

Inqanawa yokuloba yeli lizwe idla ngokuxhotyiselwa ukuloba kunye neminye imisebenzi eyayamene nokuloba. Le nqanawa ibandakanya zonke izixhobo eziyimfuneko, izixhobo zokuloba, iindawo zokugcina imithwalo, umthwalo okanye iimpahla zorhwebo kunye namafutha alayishwe kuyo. Inqanawa yokuloba yeli lizwe ingabandakanya nayiphi na inqanawa encedisa enye okanye ezinye iinqanawa eziselwandle ekwenzeni nawuphi na umsebenzi owayamene nokuloba. Oku kungabandakanya ezi zinto zilandelayo, kodwa kungapheleli kuzo kuphela:

amalungiselelo
ukunika nokukhupha izinto eziyimfuneko
indawo yokugcina imithwalo
indawo yomkhenkce nokubandisa
ukuthutha, okanye ukukhupha imveliso; kunye/okanye
nokwenza ngqo imisebenzi yokuloba kuMmandla oKhethekileyo wezoQoqosho ekuthiwa yi-Exclusive Economic Zone  okanye kumanzi olwandle lwehlabathi phantsi kweflegi yeRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika.

Akukho mntu unokusebenzisa inqanawa yokuloba okanye nayiphi na inqanawa ukuze asebenzise ilungelo lofikelelo, ngaphandle kokuba ikhutshiwe ilayisensi, enepemethe efanelekileyo ukubangaba umnikazi wenqanawa ngumntu onelungelo lokuloba. Kwimeko apho umnikazi wenqanawa engenalungelo lokuloba, kufuneka kubekho isivumelwano sekhontrakthi yokusebenzisa le nqanawa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Inqanawa yokuloba kufuneka iyokuvavanyelwa ukufanelana nolwandle  kwaye i-SAMSA ingakhupha iSatifiketi soKhuseleko.

Fumana ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho.

Kufuneka ubengumntu onelungelo lokuloba . Ukubangaba awunalungelo lokuloba elingumnikazi wenqanawa, thumela okanye bandakanya isivumelwano sekhontrakthi, osingenele nomnikazi wenqanawa ukuze usebenzise le nqanawa kuthethwa ngayo, xa ufaka isicelo selayisensi yenqanawa.

Thumela ifom yesicelo kwiSebe lezokuSingqongileyo kunye noKhenketho nale nkcazelo ilandelayo:


igama lenqanawa

igama lomnikazi wale nqanawa

uhlobo lwamandla, ubude benqanawa

umlinganiselo wamandla e-injini kunye nomlinganiselo womthwalo ongalingana kule nqanawa

icandelo lokuloba ekujongwe ukuba le nqanawa isetyenziswe kulo

uMbuso weFlegi ebhaliswe phantsi kwawo xakungoku le nqanawa .


Zalisa le fom ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela, ufake nesiphakamiso esibhaliweyo esixhasa iimfuno zakho apho kuyimfuneko.

Bonisa ixesha eya kulichitha le nqanawa kunye nendlela eya kusetyenziswa ngayo kwicandelo lokuloba eya kusebenza kulo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  
The Sea Fishery Act, 1988  
The Sea-shore Act, 1935  
The International Convention for the Prevention of Pollution from Ships Act, 1986  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo singathabatha iintsuku zokusebenza ezi- 3, kuxhomekeke ekufakweni kwesicelo ngokufanelekileyo.

Entla

Iindleko

Iindleko zohluka ngokobude benqanawa



