

Isicelo sencwadi yokugunyaziswa kwemoto

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Kufuneka ufumane incwadi ekugunyazisyo xa ufuna ukungenisa eMzantsi Afrika imoto entsha noba eseyikhe yasetyenziswa, imoto yokuthutha impahla okanye inqwelo erhuqwayo nokwakha okanye ukuguqula imoto.

Kufuneka ukuba ube nencwadi engumqondiso wokuba imoto yakhiwe apha eMzantsi Afrika okanye kwilizwe langaphandle. Iintlobo zemoto efuneka kuzo leleta yomqondiso:

iimoto, iibhasi nezithuthuthu
iimoto zokuthutha impahla 
inqwelo erhuqwayo
imoto ezikhethekileyo ezifana netrekta nenqwelo zokuvuna.

Zonke iimoto noba ziveliswe apha eMzantsi Afrika okanye kumazwe angaphandle kumele zithobele umthetho njengoko ubekiwe  Natinal Road Trafic Act 1996.Abaweza iimoto zangaphandle kufuneka bazise ubungqina bokuthobela umthetho we Ofisi eLawula uMgangatho Wokurhwebelana eMzantsi Afrika South African Bureau of Standards.

Qaphela: Umntu ofaka esi sicelo ngulowo imoto ibhaliswe egameni lakhe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Fumana ifomu lesicelo emapoliseni akufuphi.
Gcwalisa ifomu udibanise nalamaxwebhu alandelayo:

ikopi yencwadi yesazisi
uxwebhu lwelungelo lokumela xa kuyinkampani okanye umbutho
ingxelo efungelweyo yokufakelwa kwemoto eyenziwe emapoliseni, ibandakanye injini namanani esisu semoto, ingxelo ezeleyo yomsebenzi wonke owenziweyo nemvelaphi yezinto ezifakelweyo
isatifiketi sobumsulwa soNcedo lwaMapolisa ase Mzantsi Africa
isatifiketi sokulungela ukuhamba endleleni ka wonke-wonke
isatifiketi sobunzima bemoto
ifoto ezimbini zemoto.

Bhatala imali eqingqiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Incwadi egunyazisayo iba seyilungisiwe emva kwentsuku ezintandathu.

Entla

Iindleko

