﻿
Ukumisa ngokusemthethweni amaxwebhu asemthethweni kunye neziqinisekiso zomsebenzisi wokugqibela
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukumisa ngokomthetho okanye ukugunyazisa amaxwebhu yinkqubo yokuqinisekiswa kwemisayino kwaye kuthetha ukuba amaxwebhu asemthethweni afakelwe, atywinwa kwaye asayiniwe nokuba kungeSiqinisekiso seApostille , okanye ngoGunyaziso lwesiQinisekiso apho amazwe angeyonxalenye yeNgqungquthela yase Hague.

ICandelo lokuMisa ngokomMthetho:

limisa ngokusemthethweni amaxwebhu kawonke-wonke asemthethweni asayiniweyo ngaphakathi eMzantsi Afrika ukuze asetyenziswe ngaphandle kwemida yeRiphabliki yaseMzantsi Afrika kusetyenziswa isiQinisekiso seApostille okanye IsiQinisekiso soGunyaziso
linika abathengi izikhokelo zokufumana imisayino okanye amaxwebhu achanekilyo
linika abathengi ulwazi ngemfono-mfono, ngeposi okanye nge-imeyile.

AbaMmeli beloMzantsi Afrika kwelaPhesheya banokumisa ngokomthetho amaxwebhu asemthethweni kuphela ukuba loo maxwebhu ebesel' emiswe ngokomthetho ngaphambili ngosemaGunyeni wezangaPhandle ofanelekileyo okanye liCandelo eliMisa ngokusemThethweni kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle. AbaMmeli beloMzantsi Afrika abanakho ukukhupha isiQinisekiso seApostille – bangakhupha kuphela isiQinisekiso soGunyaziso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Okokuqala, qonda ukuba loluphi uxwebhu ofuna ukulumisa ngokusemthethweni.

ICandelo lokuMisa ngokuseMthethweni lingakhupha isigunyaziso esifanelekileyo okanye isiQinisekiso seApostille ngokwale migaqo ilandelayo:


Uxwebhu olo alukho ngaphezu konyaka ubudala.

Kufuneka ulicebise iCandelo lokuMisa ngokusemThethweni malunga nelizwe apho luya kusetyenziswa khona olo xwebhu, ukuze libe nakho ukufumanisa ukuba kufuneka iApostille okanye isiQinisekiso soGunyaziso na.

Phambi kokuba iCandelo lokuMisa ngokuseMthethweni likhuphe isiGunyaziso okanye isiQinisekiso seApostlle esifanelekileyo, olo xwebhu kufuneka lumiswe ngokomthethweni:


nguMantyi, uMantyi owoNgezelelweyo okanye uMantyi oNcedisayo

nguMgcini–zincwadi okanye uMgcini-zincwadi oNcedisayo weNkundla ePhezulu yoMzantsi Afrika.




Makungeniswe amaxwebhu kwiCandelo lokuMisa ngokusemThethweni ngokusebenzisa enye yezi ndlela zilandelayo:


Asiwe ngumntu – Amaxwebhu angeniswe ngumntu angalandwa kuphela xa kukho ubungqina bokwamkelwa. Isiqinisekiso sokwamkelwa sinikwa wena emva kokunikezela amaxwebhu akho.
Asiwe sisigidimi – Isigidimi siya kunikwa iphetshana lokuza kulanda, eliya kufunwa xa kulandwa amaxwebhu. Kufuneka usihlawule isigidimi xa sibuyisela amaxwebhu akho.
Athunyelwe ngeposi ebhalisiweyo okanye ekhawulezayo – Kufuneka ufake imvulophu ebhalwe igama nedilesi yakho, ehlawulelweyo  nebukhulu bayo buyi-A4 ukuze iCandelo lokuMisa ngokusemThethweni likwazi ukuwabuyisa amaxwebhu. Ileta esisiqinisekiso, exela inani lamaxwebhu afuna ukumiswa ngokwasemthethweni, ilizwe ekufunelwa lona oku, kwakunye neenkcukacha zakho ezipheleleyo, kufuneka ihanjiswe kunye namaxwebhu.
Kufuneka idlule kuMmeli weloMzantsi Afrika okwelaphesheya .


La maxwebhu alandelayo akamkelwa:

Amaxwebhu afinyeziweyo okanye okubhalwe ngekhompyutha

Iikopi eziqinisekisiweyo zomtshato, zokuzalwa, zokufa okanye iziqinisekiso ezikhululayo zasemapoliseni

Iikopi eziqinisekisiweyo zeziqinisekiso zoBume boMtshato  okanye ubuNgqina bobuZwe

Iikopi eziqinisekisiweyo zamaxwebhu okundwendwela okanye iincwadi zezazisi

Amaxwebhu aqinisekiswe ngabaKhomishinala beziFungo ukuba ziikopi zokwenyani zamaxwebhu akuqala. Umntu wasebuRhulumenteni onesiGunyaziso sokusayina kufuneka aqinisekise.


La maxwebhu alandelayo akunyanzelekanga ukuba amiswe ngokusemthethweni yinkundla kuqala njengoko kuchaziwe ngentla apha, ngaphandle kokuba ebesayinwe ngumntu onegunya lokunikeza:

Iziqinisekiso ezingafinyezwanga okanye ezipheleleyo zokuzalwa, zomtshato kunye/okanye ezokufa kunye neeleta eziqinisekisa ubume bobuzwe bomntu, ezisayiniwe zagximfizwa isitampu ngumqeshwa ogunyazisiweyo weSebe lemiCimbi yezeKhaya.

Iimpepha zokuthathela kuwe umntwana umkhulise ezisayiniweyo zaze zagximfizwa isitampu nguMgcini-zincwadi wemicimbi yokuThathwa kwabantwana bakhuliswe ngabanye abazali kwiSebe lezoBulungisa.

Amaxwebhu okuthumela ngaphandle kwelizwe asayiniweyo aze agximfizwa isitampu yiNdlu yezoRhwebo.

Iziqinisekiso zemfundo ezisayinwe zagximfizwa isitamptu ngumqeshwa ogunyazisiweyo kwiSebe lezeMfundo.

Iziqinisekiso zokukhulula zamaPolisa ezisayinwe zagximfizwa isitampu liZiko leNgxelo yoLawphulo-mthetho leNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika .

Ileta exela ukuba Akukho siThintelo  esayinwe yagximfizwa isitampu ngumqeshwa weSebe lemiCimbi yaseKhaya.

Ubhaliso lwenkampani olusayinwe lwagximfizwa isitampu nguMgcini-zincwadi weenkampani eziluhlobo lwee-Close Corporations.

Iziqinisekiso zakwagqirha ezisayinwe zagximfizwa isitampu ligosa eligunyazisiweyo kwiBhunga lemiSebenzi yezeMpilo.

Amaxwebhu aphathelele kuthutho lwemfuyo, kuquka izilwanyana zasekhaya, kufuneka egximfizwe asayinwa nguGqirha weziLwanyana kaRhulumente.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

The Hague Convention of 5 October 1961 
Rule 63 of The Rules of the Supreme Court of South Africa, as amended by Government Notice R.500 dated 12 March 1982 and R.801 dated 23 April 1982 
Rules of the High Court of South Africa as published in Government Notice R.277 dated 3 March 1967 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Iiyure zikawonke-wonke zimi ngolu hlobo : ngoMvulo - ngoLwesihlanu, 08:30 – 12:30 .
ICandelo lokuMisa ngoksemThethweni liya kunika isibhengezo sethuba leentsuku ezisixhenxe sokuvala xa olo suku ingelulo olweholide kaRhulumente.

Entla

Iindleko

Akukho ntlawulo ngokwenza amaxwebhu.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifomu emazizaliswe, kodwa kufuneka usoloko ulicacisile ilizwe ojonge ukulisebenzisa kulo uxwebhu.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


