﻿
Isicelo selayisensi yomfundi-kuqhu
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ilayisensi yomfundi-kuqhuba yilayisensi yokubambisa eqinisekisa ukuba unolwazi olusisiseko lokuqhuba isithuthi. Iikhowudi zelenasi zahlulwe zangamacandelo amathathu, kwaye icandelo ngalinye linemimiselo yeminyaka yobudala.

Ingqokelela yomthetho yokuqala : Isithuthuthu nokuba ngowuphi umhlobo

Isithuthuthu esinobukhulu obufika kwi 125cc – umceli kufuneka abe neshumi elinesithandathu leminyaka 
Isithuthuthu esinobukhulu obungaphezulu kwe125cc – umceli kufuneka abeneshumi elinesibhozoleminyaka

Ingqokelela yomthetho yesibini : Iimoto

Emotweni umceli kufuneka abe neminyaka elishumi elinesibhozo

Ingqokelela yomthetho yesithathu : Imoto enkulu nokuba yeyiphi okanye umxube wazo, umceli kufuneka abe neminyaka elishumi elinesibhozo.

Umceli akazi kuvavanywa ngosuku olubekiwe kwaye nexesha lokulindela uvavanyo lwahlukile ngokomasipala.

Iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba liphelelwa lixesha emva kwenyanga ezilishumi elinesibhozo  futhi angeke longezelelwe elixeha.



Entla

Inkqubo emayilandelwe

Xa usenza isicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba gcwalisa ifomu  endaweni yovavanyo ekufuphi nawe.
Khupa isazisi sakho esamkelekileyo ngoko  Road Traffic Act, 1996 (Incwadi yesoziso okanye isazisi sethutyana, incwadi yokundwendwela yase Mzantsi Africa.
Yiza nefoto ezimbini zesazisi ezimnyama namhlophe.
Kuza kufuneka wenze uvavanyo lwamehlo endaweni yovavanyo.
Bhatala imali emisiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ilayisensi yomqhubi ingalungela ukuya kuthathwa kwisithuba seeveki ezine ukuya kwezintandathu.

Entla

Amaxabiso

