

Isicelo sokungena kwinkqubo yokufundela ishishini  xangaba awusebenzi



Inkcazelo

I-learnership  yinkqubo yokufunda ekhokelela kwisiqinisekiso solwazi lomsebenzi. Ii-Learnership zibandakanya ukufunda kwigumbi lokufundela, kwiziko loqeqesho okanye kwikholeji, kunye nokuqeqeshelwa emsebenzini ngqo kwindawo yokusebenza. Ukuze uthabathe inxaxheba kwi-learnership, umqeshi kufuneka avume kwaye abenako ukunika i-learnership.

Ngubani ongenza isicelo?

Nabani na ogqibe esikolweni, kwikholeji okanye eyunivesiti kwaye ongasebenziyo. Abantu abangasebenziyo kufuneka babhalise njengabantu abafuna umsebenzi kwiSebe leZabasebenzi.
Umntu akahlawuliswa xa engena kwi-learnership. Wonke umntu ofakwe kwinkqubo ye-learnership kufuneka afumane isibonelelo se-learnership kumqeshi.
Ubude be-learnership buxhomekeka kwicandelo ngecandelo, kodwa budla ngokungabi ngaphantsi konyaka omnye.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.



Inkqubo emayilandelwe

Cinga ngohlobo loqeqesho nomsebenzi owufunayo. Ngamanye amazwi, ukubangaba uthanda ukuba phandle, ungenzi sicelo somsebenzi wase-ofisini.
Zoba i-CV eneenkcukacha zobuqu ezifana nezi zilandelayo:
Igama lakho kunye nomhla wakho wokuzalwa
Imfundo; isikolo ofunde kuso kunye neziqinisekiso zemfundo
Amava omsebenzi; amagama abaqeshi bangaphambili nomsebenzi owawuwenza.
Ezinye izakhono ezifana nezakhono zekhompyutha; ingaba unelayisensi yokuqhuba na, njalo-njalo.
Abantu abakwaziyo 

Bhalisa njengomntu ofuna umsebenzi kwiziko lezabasebenzi elikufuphi kuwe. Oku kuya kunceda ekubeni abaqeshi bakufumane xa befuna ukuqalisa i-learnership.
Nxulumana nee-SETA ukuze uqonde ukuba ngabaphi abaqeshi abanika ii-learnership.
Cela abahlobo nosapho bakujongele izithuba kwaye ujonge nezaziso kumaphephandaba.
Mana uvela kwiziko lezabasebenzi kwaye ulungise iinkcukacha zakho xa zitshintshile.

Umthetho osetyenziswayo

Skill Development Act, 1998  
Basic Conditions of Employment Act, 1997 , Sectoral Determination No. 5 

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubude benkqubo yee-learnership abufani, kodwa budla ngokungabi ngaphantsi konyaka omnye.

Iindleko 



Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezizaliswayo

Yenza isicelo kwiSebe leZabasebenzi okanye kwiziko lezabasebenzi elikufuphi kuwe.



Iinkcukacha zonxulumano




