

Isicelo sokukhutshwa kwezatifiketi zeQumrhu leHlabathi lokuVavanya iMbewu, ekuthiwa yi -International Seed Testing Association

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Njengelungu lelabhorathri elinoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa  le-Qumrhu leHlabathi lokuVavanya iMbewu, ekuthiwa yi-International Seed Testing Association , iSikhululo esiGunyazisiweyo sokuVavanya iMbewu esibizwa ngokuba yi-Official Seed Testing Station  seSebe leZolimo sigunyazisiwe ukuba sikhuphe iZatifiketi zeHlabathi zokuCazulula iMbewu. Ezi zatifiketi zikhutshwelwa iinjongo zokuthumela kumazwe angaphandle.

Kungakhutshwa iindidi ezintathu zezatifiketi, ezizezi: iZatifiketi zoMthwalo weMbewu  kunye neSatifiketi seBinza  leMbewu .

ISatifiketi esi-Orenji  sikhutshwa xa ibinza likhiwe ngokugunyazisiweyo kumthwalo wembewu kwaye uvavanyo luqhutywa phantsi kwegunya lalaa labhorathri inoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa ekhuphe ibinza.
ISatifiketi esiLuhlaza  sikhutshwa xa ibinza likhiwe ngokugunyazisiweyo kumthwalo wembewu phantsi kwegunya lelabhorathri enoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa, kodwa uvavanyo luqhutywa kwenye ilabhorathri enoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa kwelinye ilizwe.
ISatifiketi esiBlu  sikhutshwa xa ukukhiwa kwebinza kungekho phantsi koxanduva lwelabhorathri enoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa kwaye ilabhorathri enoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa inoxanduva lokuvavanya ibinza kuphela.

IZatifiketi ezi-Orenji neziLuhlaza zisebenziseka kumthwalo wembewu ezithathwe kuwo, kodwa sona iSatifiketi esiBlu sisebenziseka kuphela kwibinza elifunyanelwe ukuvavanya.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifom yesicelo seSatifiketi seHlabathi esi-Orenji  kwi-website uze usigcwalise. Njengoko ilabhorathri enoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa kwilizwe elahlukileyo iyakukhupha iSatifiketi eSiluhlaza, nceda unxulumane ne-OSTS .
Cela ukunikwa amanani agunyazisiweyo wemithwalo yembewu.
Thumela izicelo ngefeksi kwi-OSTS .
Amanani emithwalo yembewu ayakunikwa kwaye isicelo siyakuphindiselwa kuwe ngefeksi. Iyakuthunyelwa ngefeksi nakwigosa eligunyazisiweyo lokuphengulula  kwii-ofisi zengingqi eziyakukha ibinza.
Lungisa imithwalo yembewu ukuze kukhiwe amabinza. Oku kubandakanya ukuphawula imithwalo ngamanani anikiweyo emithwalo. Inkonkxa nganye kufuneka iphawulwe  okanye incanyatheliswe iphetshana ekubhalwe kulo okuqulathiweyo nelichaza amanani anikiweyo embewu.
Xa imithwalo yembewu ilungele ukukhiwa kwamabinza, biza umphengululi azokukha ibinza.
Amabinza athunyelwa kwi-OSTS kwaye avavanyelwa umgangatho, kuze ke kukhutshwe isatifiketi esibandakanyekayo.
Hlawula umlinganiselo wentlawulo yokuvavanya imbewu. Kwakube kufunyenwe amabinza, kukhutshwa i-invoice. Nazi iinkcukacha zebhanki:

Bank: Standard Bank
Branch name: Arcadia
Branch code: 01-08-45
Account number: 011244887
Account name: NDA: Seed Testing Services

Intlawulo ingenziwa nangomatshini okanye ihlawulwe ezi-ofisini, kodwa kuyimfuneko ukuba inombolo ye-invoice ixelwe ukuze kungqamaniswe imali efakiweyo ne-invoice ekhutshiweyo.

Yenza isicelo seSatifiketi esiLuhlaza ngencwadi ebhalelwe kwisihloko esigunyazisiweyo sombutho wakho, kuba akwenziwa ukuphawulwa komthwalo wembewu nokukhiwa kwebinza okugunyazisiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Akukho mthetho osetyenziswayo.

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

ISikhululo esiGunyazisiweyo sokuVavanya iMbewu sibeka phambili ukuvavanywa kwamabinza embewu alungiselelwe ukuthunyelwa kumazwe angaphandle. Iintlobo-ntlobo ezahlukeneyo zeemveliso zezityalo zivavanyelwa phantsi kweemeko ezahlukeneyo kwaye ixesha elithatyathwa luvavanyo lungahluka ukusukela kwiintsuku ezimbalwa ukuya kutsho kwiiveki ezimbalwa.

I-OSTS iyazama ukuntshulisa amabinza embewu kumthwalo omnye phantsi kweemeko zokuvavanya ezifanayo. Kwakhona, iindidi ezahlukeneyo zovavanyo zingacelwa yiklayenti. Ngoko ke, akukho nkcazelo inganikwa malunga nomgangatho wenkonzo ofikelelwayo. Buza kwiziko ngokwalo .

Entla

Iindleko

