
Isicelo seNkonzo yeNtlalo yeHlabathi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

I-International Social Service  ngumbutho wehlabathi onganxulumananga narhulumente kwaye ongakheth'icala ngokwezopolitiko, ngokobuhlanga, ngokobucawe okanye ngokwelizwe elithile, unecandelo loNobhala-Jikelele elise-Geneva, e-Switzerland. Le nkonzo inonxibelelwano loonontlalontle kumazwe ehlabathi abaqeqeshwe kumazwe abo kwaye abanolwazi ngamazwe abo.

I-ISS inceda abantu ngokobuqu babo kunye neentsapho  ezineengxaki zobuqu kunye nezentlalo, futhi xa aba bantu nezi ntsapho bedinga intsebenziswano phakathi kwamazwe. Iyafumaneka kuye nawuphina umntu apha eMzantsi Afrika nangaphandle kweli lizwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Izicelo ezisuka kubantu abahlala eMzantsi Afrika

Yenza isicelo kwi-ofisi yonontlalontle ekufuphi kuwe
Qulungqa isishwankathelo sombandela ngokwendlela eqingqwe yi-ISS. Esi sishwankathelo sombandela siyakuchaza iimeko kunye nesicelo seenkonzo ezidingwa kwilizwe langaphandle.
Hambisa isishwankathelo esigqityiweyo sombandela kummeli wephondo we-ISS kwi-Ofisi eNkulu yeSebe loPhuhliso lweNtlalo lephondo.
Uyakuthi ke ummeli wephondo asihambise isicelo sakho kwi-International Social Service of South Africa , yona ene-ofisi kwalapha kwiSebe loPhuhliso lweNtlalo lelizwe.

Izicelo ezisuka kubantu abahlala ngaphandle kwaseMzantsi Afrika.

Yenza isicelo kwi-ISS Affiliated Bureau okanye kumnxulumanisi kwilizwe langaphandle
Le ofisi iyakuthumela isicelo sakho kwi-ISS SA.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Iinkonzo zentlalo zehlabathi zinikwa ngokweSivumelwano soNxulumano phakathi kweSebe loPhuhliso lweNtlalo ne-ISS: General Secretariat.

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo kujongwana nazo zakufunyanwa. Yakube ifumene isicelo esiphuma kwisebe lephondo, i-ISS SA iyakusithumela esi sicelo seenkonzo kwi-ISS Affiliated Bureau okanye kumnxulumanisi kwilizwe langaphandle. Indlela abaphendula ngayo isicelo iyakuxhomekeka kwiimeko zabo zendawo abakuyo.

Yakube ifumene isicelo esisuka kwilizwe langaphandle, i-ISS SA ibhekisa lo mbandela kummeli wendawo wephondo oyakuthi yena enze amalungiselelo wokuba unontlalontle wendawo aphande ngalo mbandela kwaye anike ingxelo kwisebe lephondo. Yakube ifunyenwe le ngxelo, iyakuthunyelwa kwi-ISS SA, eyakuthi yona iyiphonononge kwaye iyithumele kubabandakanyeki, ndawonye neziphawulo, imibuzo kunye nemiba ethandabuzekayo okanye imiba ethandabuzekayo.

Inqanaba lomgangatho wenkonzo liqinisekiswa ngoonontlalontle bendawo nabamaphondo, nangunontlalontle ojongene nalo mbandela kwi-ofisi ye-ISS SA. Abaqeshwa bakarhulumente balandela imigaqo yenkqubo egunyazisiweyo emiselwe yi-ISS: General Secretariat.


Entla

Iindleko

EMzantsi Afrika le nkonzo ayihlawulelwa. Kumazwe athile kusengafuneka intlawulo kwiinkonzo ezithile. Ezi ntlawulo ziyahluka ngokwamazwe ngamazwe.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


