﻿

Isicelo senkcazelo ekwiziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni  livulelekile kuye nawuphina umntu ukuze afumane inkcazelo malunga nale miba ilandelayo:

umnikazi obhalisiweyo wepropati
imiqathango echaphazela loo propati
imiyalelo yenkundla yokuthintela izenzo ezithile kunye neekhontrakthi ngokuphathelelene nale propati
ixabiso lokuthenga le propati
imigaqo yoyilo lwenkqubo yetayitile yecandelo
ikopi yekhontrakthi yabantu abazakutshata ukuze umntu ngamnye azigcinele impahla nezinto zakhe, ekuthiwa yi-antenuptial contract , izigqibo zamalungelo athile wokusebenzisa ipropati yomnye umntu ngeenjongo ezithile, ukubambisa ngepropati njengesetyhorithi yemali-mboleko, njalo-njalo
ikopi yesicwangciso setayitile yecandelo okanye imigaqo yoYilo lweNkqubo yeTayitile yeCandelo. 
imiqathango yokusekwa kwedolophana okanye ilokishi elicandelo lesixeko
inkcazelo yezigqibo zasemthethweni eziphathelelene nepropati okanye isigqibo sasemthethweni.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Phambi kokuba ufumane inkcazelo kwincwadi yobhaliso lwezigqibo zasemthethweni, kufuneka ubenezi zinto zilandelayo:


amagama apheleleyo kunye nenombolo yesazisi okanye inombolo yesazisi yomnikazi wepropati, okanye okungenani umhla wakhe wokuzalwa. 
inombolo echanekileyo yeploti yomhlaba kunye nelokishi elicandelo lesixeko okanye igama kunye nenombolo yefama , hayi i-adresi yesitalato. 

Ukuze ufumane ikopi yesigqibo sasemthethweni okanye yomqulu kwiziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni, kufuneka

uye kuyo nayiphina i-ofisi yezigqibo zasemthethweni 
uye kwicandelo lenkcazelo, apho igosa liyakukunceda ugcwalise ifom emiselweyo kwaye likuchazele ngemigaqo
ucele umchwethezi  wovimba wenkcazelo afunise ngepropati, kwaye
hlawula imali eyimfuneko kwi-ofisi ephatha iimali nerisiti uze uphinde use irisiti kwelaa gosa likwicandelo lenkcazelo. Inombolo yerisiti iyakufakwa kwikopi yakho yetayitile.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Deeds Registries Act, 1937  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukufunisa kungathabatha imizuzu engama 30 ukuya kwengama 60. Kwezinye zee-ofisi ezinkulu, ikopi yesigqibo sasemthethweni ithunyelwa ngeposi okanye kufuneka iyokuthathwa emva kwexesha elithile.

Entla

Iindleko

Ikopi yekhontrakthi yabantu abazakutshata ukuze umntu ngamnye azigcinele impahla nezinto zakhe okanye isigqibo sasemthethweni ngeenjongo zenkcazelo: R36

Ikopi yemiqathango yokusekwa yedolophana okanye ilokishi elicandelo lesixeko: R4 iphepha ngalinye

Ukufunisa ngezigqibo zasemthethweni: R6

Ukukhutshwa kwamaphepha ngekhompiyutha: R6 iphepha ngalinye elikhutshiweyo


Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Igosa kwi-ofisi yeZigqibo zaseMthethweni liyakukunika ifom ukuze uyigcwalise.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


