
Isicelo segranti yendlu yesabhsidi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Igranti yendlu yesabhsidi enikwa umntu yigranti karhulumente ejoliswe kubantu abafuna ukubangabanikazi bezitandi ezinikwa iinkonzo. Le granti ilungiselela umzuzi akwazi ukungenela isivumelwano sokwakha indlu, okanye athenge indlu  yokuhlala esele ikhona, ephuculiweyo engeyonxenye yeprojekthi evunyiweyo yezindlu zesabhsidi.

Le sabhsidi ikwanceda abazuzi abavumeleke ukuba bayifumane abanqwenela ukwandisa iisabhsidi zabo babenako ukufumana imboleko yekhredithi, ndawonye nabazuzi abangavumelekanga bafumane imboleko yekhredithi.

Abantu abafezekisa ezi mfuno zilandelayo bangenza izicelo:

ummi waseMzantsi Afrika okanye umntu onephepha lemvume  yokuhlala isigxina eMzantsi Afrika
umntu otshatileyo okanye ohlala nesinqandamathe sethuba elide
abantu abangatshatanga abangaphezulu kweminyaka engama 21 ubudala kwaye abanabantu abaxhomekeke kubo
ingeniso-mali yekhaya liphelele yi R3 500 okanye ngaphantsi
zange ngaphambili wabangumnikazi wepropati yokuhlala 
abenzi-zicelo abakhubazekileyo abenza izicelo zeenguqulo ezizodwa .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo efumaneka kuphela kwiSebe lezeZindlu kwiPhondo, ezibhankini nakoomasipala.
Yisa ifom kubanikezeli bepropati ukuze bagcwalise iCandelo G.
Yisa ifom kuMbolekisi okanye kwiziko lemali ukuze ligcwalise iCandelo H kwiimeko zabenzi-zicelo abanxulumene nemboleko yekhredithi.
Yisa ifom kwiKontraki igcwalise iCandelo 1 kwimeko yezindlu ezisandul'ukwakhiwa.
Yenza isifungo kuMkomishina weZifungo
Faka zonke iincwadi zobungqina, umzekelo:

incwadi yesazisi
isatifiketi somtshato
isatifiketi sokuzalwa
ubungqina bengeniso-mali, kunye
nencwadi yesigqibo sentengiso.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Housing Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for an individual housing subsidy 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


