

Isicelo sokungenisa eMzantsi Afrika isithuthi esilisekendi okanye esele sisetyenzisiwe

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukubangaba ufuna ukungenisa eMzantsi Afrika izithuthi ezingamasekendi okanye esele zisetyenzisiwe, kufuneka ubenemvume elungiselelwe le meko esuka kwiCandelo loBuphathiswa bezoRhwebo naMashishini okanye kubanxulumanisi balo. ICandelo loBuphathiswa liyakwenza isigqibo sokuba ingaba kungowona mnqweno ungcono woluntu na ukuba kungeniswe kweli lizwe ezi zithuthi zingamasekendi okanye sele zisetyenzisiwe.

Kufuneka uhambise ifom eqingqiweyo yesicelo ukuze wenze isicelo sepemethe yokungenisa impahla nezinto kweli lizwe. Iipemethe zokungenisa impahla nezinto kweli ziyafuneka kuzo zonke impahla nezinto eziphantsi kwamanyathelo olawulo lwempahla nezinto ezingena kweli.

Iipemethe zokungenisa impahla nezinto kweli lizwe zifunelwa ukuqinisekisa ukuba impahla nezinto ezingamasekendi ezingeniswa kweli azilitshabalalisi ishishini leManyano yokuNgeniswa kweMpahla neZinto yaseMzantsi Afrika, ekuthiwa yi-South African Customs Union . Le nkonzo iphakamisa ulawulo olwenzelwe ukuhambisana nokhuseleko kunye nomgangatho.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya International Trade Administration Commission.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Kopa ifom yokwenza isicelo, IE 462.
Nika iSebe ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi.
Nika iSebe ikopi eqinisekisiweyo yesatifiketi sobhaliso lwesithuthi.
Hambisa ifom kwiCandelo loBuqondisi boLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle  leKomishoni yokuLawulwa koRhwebo lwaMazwe eHlabathi, ekuthiwa yi-International Trade Administration Commission .

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Lemiqulu ifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.



International Trade Administration Act, 2002  
Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezintathu ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Application for Importation of second hand or used vehicle 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


