
Isicelo sokungenisa okanye sokugqithisa iimveliso zederi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Kufuneka ubenephepha lemvume  yokungenisa izilwanyana xa ungenisa okanye ugqithisa iimveliso zederi eMzantsi Afrika.

Iipemethe zokungenisa iimveliso kweli lizwe zisebenza ixesha eliqingqiweyo yaye ziqingqelwa umthwalo omnye kuphela

Yenza isicelo sepemethe okungenani kwiiveki ezintandathu kodwa ingezoveki ezigqithe isibhozo phambi kokuba uqalise ngamanyathelo eenjongo zakho.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo.
Ukubangaba le mveliso igqitha apha kwiRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, ikopi yepemethe yokungenisa ephuma kwilizwe eyakuphelela kulo le mveliso mayithiwe thaca kunye nesicelo sepemethe yokugqitha kwezilwanyana yaseMzantsi Afrika.
Faka imali yentlawulo yepemethe kwi-akhawunti yebhanki yeSebe leZolimo:

Name of bank: Standard Bank of South Africa
Name of account holder: Department of Agriculture
Account nr.: 011219556 International Band
Branch: 010845
IB Brand 0001982 Centre Code
Swift Code SBZA-ZAJJ
Name of the Branch: Arcadia

Nceda uqhaphele: Iintlawulo zebhanki, ndawonye nezeBhanki yaNgaphandle, ziluxanduva lalo mntu ungenisa imveliso kwe liSebe alisoze likhuphe ipemethe ukubangaba intlawulo epheleleyo eyi-ZAR115 ayifunyenwanga.

Ungafaka apha kwifom, itshekhi ebhalelwe ukuhlawuleka kuMqondisi-Jikelele weZolimo , kwaye uyiposele kwi-adresi enikiweyo ethubeni.

Iintlawulo ungazenza nakwii-ofisi zeSebe leZolimo ezidweliswe phantsi kwesihloko esithi Iinkcukacha zonxulumano.

Ukuba wenzela omnye umntu isicelo, nceda uqinisekise ukuba uhlawula phantsi kwegama laloo mntu okanye laloo nkampani.
Akukho sicelo siyakuphunyezwa bungekho ubungqina bentlawulo. Ubungqina bokufakwa kwemali bungathunyelwa ngefeksi kwinombolo ethi: 012 329 8292, bubhalelwe ukwamkelwa ngu: Ina Labuschagne.
Thumela iifom ezigcwalisiweyo kwi-adresi ethi:

The Senior Manager: Animal Health
Import Export Policy Unit
Private Bag X138
Pretoria
0001
South Africa
okanye kwi-Feksi ethi: 012 329 8292

Chaza apha kwifom yesicelo ukuba ipemethe uzakuyoyithatha na okanye kufuneka ithunyelwe kuwe. Qala uqonde e-ofisini yeepemethe ngomnxeba ukuba seyilungile na ipemethe phambi kokuba uyokuyithatha.
Xa sele siyifumene ifom yesicelo egcwalisiweyo, siyakukhupha iPemethe yokuNgeniswa kweZilwanyana kwaye siyithumele kuwe nqo, kunye neSatifiketi seMpilo yeZilwanyana, esingumzekelo wokubonisa.
Esi Satifiketi seMpilo yeZilwanyana kufuneka sigcwaliswe nge-English, ngugqirha wezilwanyana ogunyaziselwe ukwenza njalo liZiko loLawulo lwemibandela yeZilwanyana lelizwe elithumela ngaphandle, kwaye siprintwe kwiphepha leli ziko elinesihloko esigunyazisiweyo zingadlulanga iintsuku ezilishumi phambi kokuhanjiswa kwale mveliso.
Ukuba kukho inkcazelo oyidingayo malunga neemfuneko nqo zemveliso ethile, iikopi zokubonisa zePemethe yokuNgenisa iZilwanyana kweli kunye nezeSatifiketi seMpilo yeZilwanyana, zingafumaneka kwi-Ofisi yeePemethe.
Kufuneka kuvezwe ezi zinto zilandelayo kwiGosa eliLawula ukungeniswa kweZilwanyana eMzantsi Afrika kwiSango lokuNgena:

iPemethe eluqobo lwayo yokuNgenisa iZilwanyana kweli
iSatifiketi seMpilo yeZilwanyana esiluqobo lwaso esikhutshwe ngugqirha wezilwanyana welizwe ezivela kulo.

Iimveliso zederi mazihlolwe kwelinye lala maziko okuhlola alandelayo:
Durban: Ifowuni: 031 337 4346/7
Cape Town: Ifowuni: 021 551 2050
City Deep Abattoir 
IFowuni: 011 613 1636
Port Elizabeth  IFowuni: 041 585 8907
Izinto eziyimfuneko xa kungeniswa iimveliso kweli lizwe ziyafumaneka kwi-Ofisi yeePemethe okanye kwi-website yeSebe leZolimo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Diseases Act, 1984   with amendments

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kuthabatha iintsuku zokusebenza ezimbini ukuyakutsho kwezintathu ukuze kuphunyezwe ipemethe ukubangaba ugqirha wezilwanyana wombuso uyayivuma.

Entla

Iindleko

R1 000 for the first consign-ment plus.
R115 for each additional consignment in respect of group of consignments con-signed on the same day.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application to import/move in transit dairy products into/through the Republic of South Africa 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


