
Isicelo sokungenisa elizweni izilwanyana nezinto zofuzo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Imvume yokungenisa elizweni evela ku-Registrar of Animal Improvement  iyafuneka phambi kokungenisa elizweni izilwanyana okanye izinto zofuzo ezifana nee-embryo, ii-ova okanye incindi yobudoda  apha eMzantsi Afrika.

Umenzi wesicelo kufuneka kube ngumntu ngokusemthethweni, umzkl, John Peter Citizen, okanye John Peter Citizen T/A Diepsloot Stud, okanye Diepsloot Stud CC, okanye Diepsloot Stud  Ltd, okanye Diepsloot Ltd.

Xa umenzi wesicelo engasayini isicelo ngokwakhe, ileta egunyazisa umntu osayinayo njengearhente yokuthi asayine egameni lomenzi wesicelo, kufuneka ikhaphe isicelo.

Xa umenzi wesicelo engene kwisivumelwano nomthumeli wangaphandle wesilwanyana okanye into engeniswa elizweni phantsi kwemiqathango yokuthi izabelo, iintlawuliso okanye iziyekelelo ziya kuhlawulwa ngaphezu kwexabiso lentengiso, kufuneka isicelo sikhatshwe yileta evela kuMlawuli Jikelele we-Department of Trade and Industry  yokuqinisekisa ukuba iSebe lisamkele isivumelwano esinjalo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngokupheleleyo wenze iikopi ezimbini. Ifomu kananjalo ingacelwa ku-Registrar of Animal Improvement .
Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiswa kumenzi wesicelo.
Qhoboshela amaxwebhu alandelayo kwisicelo:

umnombo owandisiweyo weenzala ezimbini
iirekhodi zokusebenza kwesilwanyana
isiqinisekiso sokuhlelwa kwegazi.

Intlawulo echanekileyo kufuneka ikhaphe isicelo ngasinye. Yenza itsheki okanye iposoda ehlawuleka ku-: The Director-General: Agriculture.
Iinkcukacha zebhanki zezi:
Standard Bank
Isebe: Arcadia
Inombolo yeAkhawunti: 011219556
Ikhowudi yesebe: 000845/010845
Thumela izicelo kumbutho ofanelekileyo wabazalisi okanye igunyabantu elibhalisayo malunga nezincomo.
Thumela ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001
The Animal Improvement Permit  iya kuthunyelwa kwi-Directorate of Veterinary Services , abaya kunikela nge-Veterinary Import Permit . Akukho fomu eyongezelelweyo efunekayo malunga ne-Veterinary Import permit .
I-Veterinary Import Permit  ineemfuno ezikhethekileyo ekufuneka zingqinwe nguGqirha weziLwanyana woRhulumente welizwe elithumela okungeniswa elizweni phambi kokuba umthwalo wento engeniswa elizweni uthunyelwe. Iimfuno zingafunyanwa kuMlawuli oyiNtloko: Impilo yeziLwanyana .

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  
Animal Diseases Act, 1994   with amendments

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo singalungiswa kwiintsuku ezingama-30.

Entla

Iindleko

R174

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for the importation of animals and genetic material 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


