Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Iinkonzo zamabanjwa aseMzantsi Afrika abanjwe kuma
Isicelo sesatifiketi esiphuma emapoliseni esichaza
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ukumka eMzantsi Afrika
IiNkonzo zamazwe angaphandle
Isicelo sesatifiketi esiphuma emapoliseni esichaza
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Le nkonzo ifumaneka kubantu abadinga ukuqonda ubume babo ngokobugebenga ngeenjongo zokulifulathela eli besiya kuhlala kwamanye amazwe okanye besiya kusebenza phesheya ixesha elide.
Kuyakukhutshwa isatifiketi esichazayo ukuba ngaba zikho na izenzo zobugebenga ezixelwe ngomenzi-sicelo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Thumela unyatheliso olupheleleyo lweminwe yakho (iifingaprinti), olwenziwe kwisikhululo samapolisa esikufuphi kuwe, kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga. Qinisekisa ukuba igama lakho elipheleleyo, ifani, umhla wokuzalwa, indawo owazalelwa kuyo kunye nenombolo yesazisi (ukuba iyafumaneka), ziyabhalwa kwifom eneminwe enyathelisiweyo.
Phatha incwadi yakho yesazisi xa usiya esikhululweni samapolisa kuba kuyakufuneka ubungqina bolwaziso lwakho.
Nceda uqaphele ukuba ezinye izikhululo zamapolisa ziyakwamkela ezi zicelo ngexesha leeyure ze-ofisi kuphela (07:30 ukuya ku 16:00).
Abemi baseMzantsi Afrika abahlala ngaphandle kweli lizwe bangenza izicelo kuso nasiphina isikhululo samapolisa kwelo lizwe bakulo, okanye kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika. Iminwe inganyatheliswa kwiifom ezigunyazisiweyo zokunyathelisa iminwe zelo lizwe bakulo. Ifom enyathelisa iminwe kufuneka ityikitywe (isayinwe) ngulo mntu unyathelisa iminwe. Isicelo masikhatshwe lunyatheliso olupheleleyo lweminwe kunye nekopi yencwadi yesazisi okanye yepaspoti yomenzi-sicelo.
Isikhululo samapolisa siyakuthumela esi sicelo kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga. Kwiimeko ezingxamisekileyo, umenzi-sicelo angaposela esi sicelo kule adresi ilandelayo:
Isicelo singasiwa nangesandla kule ndawo ilandelayo:
Isatifiketi esiphuma emapoliseni esichaza ubume ngokobugebenga singaphinda sikhutshwe mahala ukubangaba sicelwe kwisithuba seenyanga ezintandathu zesicelo sokuqala. Njengoko izatifiketi zigcinwa kwiingxelo iinyanga ezilithoba kuphela, kuyakufuneka kuthunyelwe isicelo esitsha xa sele kuphele iinyanga ezilithoba.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isatifiketi singakhutshwa kwisithuba seentsuku zokusebenza ezingama 28. Ezi zatifiketi zifunekayo ziyakuposelwa kumenzi-sicelo ngeposi yesiqhelo, ngaphandle kokuba kwenziwe amalungiselelo wokuya kuzithatha ubuqu okanye ngenqwelo ethuthela abantu ekuthiwa yi-courier (ngeendleko zomenzi-sicelo) kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga.
Entla
Iindleko
Xa siphindwa ukukhutshwa isatifiketi, kwisithuba seenyanga ezintandathu, sikhutshwa mahala.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
