

Isicelo sokungenisa iikhemikhali eMzantsi Afrika



Inkcazelo

Ukubangaba ufuna ukungenisa iikhemikhali eMzantsi Afrika, kufuneka ubenemvume eqingqelwe le meko esuka kwiCandelo loBuphathiswa bezoRhwebo naMashishini okanye kubanxulumanisi balo. Eli Candelo loBuphathiswa liyakwenza isigqibo sokuba ingaba ukungenisa iikhemikhali kweli lizwe kungowona mnqweno ungcono woluntu na.

Inyathelo lokulawula impahla nezinto ezingena elizweni elinikwa ngokwale nkonzo liphakamisa ulawulo lwempilo nokhuselo lwemo yezokusingqongileyo, ndawonye nokuhambisana nokhuseleko kunye nomgangatho. Eli nyathelo likwaqinisekisa ukuba iikhemikhali zihambisana neemfuneko zemo yezokusingqongileyo.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi International Trade Administration Commission. 

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa iifom zesicelo ezifumaneka kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Hambisa ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi kunye neyencwadi yegunya lokumela omnye umntu okanye yencwadi yegunya lokumela omnye umntu ukubangaba wenza isicelo egameni lenkampani.
Hambisa iifom zesicelo kwiCandelo loBuqondisi boLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle .

Umthetho osetyenziswayo

International Trade Administration Act, 2002  

Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezintathu ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho.

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

Application for importation of chemicals 
Annexure to H464 application for importation of chemicals 

Inkcukacha zonxulumano



