
Isicelo sephepha lemvume  yokungenisa amayeza okutofa izilwanyana, eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Amayeza ezilwanyana angangeniswa kwaye athuthelwe kwiindawo ezithile okanye athengiswe eMzantsi Afrika kuphela xa ebhalisiwe ngokoMthetho weZichumisi , uKutya kweMfuyo yaseFama, uNcedo kweZolimo kunye noNcedo kwiMfuyo, wango 1947 ekuthiwa yi-Fertilizers, Farms Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947 .

Ukuze ungenise iyeza lokutofa elibhalisiweyo ukuze ulisebenzise kwizilwanyana, kufuneka ufumane iphepha lemvume  yokungenisa kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana . Le pemethe yokungenisa isebenza ixesha eliqingqiweyo kwaye isebenza kumthwalo omnye kuphela.

Ukubangaba ufuna ukungenisa iyeza elingabhaliswanga ukuze lilingwe eMzantsi Afrika, kufuneka ubeneepemethe ezimbini. Ipemethe yokuqala iphuma kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947  kwaye enye iphuma kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana . Isicelo sepemethe ephuma kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947 kufuneka sikhatshwe sisivumelwano esipheleleyo solu lingo lupoposhwayo. ICandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana likhupha ipemethe yokungenisa kuphela xa lifumene ikopi yepemethe ekhutshwe nguMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947. Iyeza elingeniselwe ukulingwa alithengiswa.

Kwimeko yonxunguphalo, apho kuqhambuke isifo kwaye kungekho yeza libhalisiweyo elifumanekayo eMzantsi Afrika, kungayimfuneko ukuba kusetyenziswe iyeza elingabhaliswanga. Ngoko ke, wena, njengomntu onqwenela ukungenisa iyeza kweli lizwe, kufuneka wenze isicelo kwiBhunga lokuLawula aMayeza  ukuze ufumane umnyenyevu weCandelo 21 ngokoMthetho woLawulo lwaMayeza neeMveliso ezaYamene nawo .

Ukwadinga ipemethe yokungenisa, kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana, ukuze eli yeza lingene kweli lizwe. Eli Candelo likhupha le pemethe yokungenisa kuphela wakube ufumene imvume kwiBhunga lokuLawula aMayeza yaye ubuthumele ubungqina kweli candela. Kule meko ke, eli yeza lingabhaliswanga lingathengiswa ixesha eliqingqiweyo kude kufunyanwe ubhaliso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukubangaba iyeza alibhaliswanga kwaye lizakusetyenziswa kulingo, thumela incwadi yangaphezulu esayiniweyo ebhalelwe kwiphepha elikwisihloko esivunyiweyo senkampani yakho, kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947, ucele ipemethe yokungenisa. Incwadi yakho mayibeneenkcukacha zale miba ilandelyo:

ubungakanani bomthamo
igama lemveliso
isithako okanye izithako ezisebenzayo, kubandakanywa nentlanganisela yezithako
ilizwe eliphuma kulo
umenzi weyeza
inombolo yombhumbuthu womthwalo oyakungeniswa
iphepha lenkcazelo yobuchule okanye umbhalo wokuphawula okuqulathiweyo , onenombolo yobhaliso yequmrhu lokugqalisela lelizwe ebhaliswe kulo le mveliso
isango lokungena
inkcazelo yokuba ifuneka nini na le mveliso
umba wokuba le mveliso ingeniselwa iinjongo zokulingelwa ubhaliso lweemveliso zokunceda imfuyo
ubume bobhaliso lwemveliso kwezinye iindawo 
iSivumelwano soLingo esineenkcukacha , kubandakanywa imihla ekulindeleke ukuqaliswa ngayo uqwalaselo olulodwa lekamva lokutya okuphuma kwizilwanyana ezivelisa ukutya  kunye nokuthabatha uxanduva lokulandela iimfuno zamachiza.

Xa ufumana ipemethe yokungenisa kuMphathi woBhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947, okanye umnyenyevu ngokweCandelo 21 loMthetho 101 ka 1965, thumela ikopi yayo kunye nesicelo sakho semethe yokungenisa izilwanyana  kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana .
Ukubangaba iyeza sele libhaliselwe ukusetyenziswa eMzantsi Afrika ngokoMthetho 36 ka 1947, udinga kuphela ipemethe enye yokungenisa, kwiCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana. Thumela ikopi yobhaliso ngokoMthetho 36 ka 1947 nesicelo sakho.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Diseases Act, 1984  
Medicines and Related Substances Control Act  
Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  , uKutya kweMfuyo yaseFama, uNcedo kweZolimo kunye noNcedo kwiMfuyo)

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Nceda wenze isicelo sepemethe yokungenisa izilwanyana okungenani kwiiveki ezintandathu phambi kokuba uthumele kweli. Akuba ugqirha wezilwanyana wombuso esivumile isicelo, kuthabatha iintsuku zokusebenza ezimbini  ukuyakutsho kwezintathu  ukuze i-ofisi yeepemethe iqhubekise kwaye ikhuphe ipemethe.

Entla

Iindleko

R110

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a permit to import vaccines into the Republic of South Africa IMP.VAC00 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


