
Isicelo semvume yethutyana yokungenisa elizweni izilwanyana ngeenjongo ezizodwa ezifana nezemiboniso
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Izilwanyana zingangeniswa elizweni kusetyenziswa imvume yethutyana yokungenisa elizweni ngenjongo:

yemiboniso, izibhengezo zentengiso, ukhuphiswano
yokusebenzisa amadlelo ngenjongo yoshishino
yokuhombisa ngezoshishino indawo yokutyebisa izilwanyana ezizakuxhelwa okanye ukuxhela ngokungqalileyo
yokunikela kumhlabi ozalisayo.

Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiswa kumenzi wesicelo yaye akukho xanduva luya kwamkelwa malunga nakuphi na ukuphazamiseka okunokwenzeka.

Kufuneka isicelo sinikelwe ku-Registrar of Animal Improvement  kwithuba leentsuku ezingama- 30 phambi kokwamkela into engeniswa elizweni.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngokwahlukanisa oonombumba usebenzisa oonobumba abakhulu.
Intlawulo echanekileyo kufuneka ikhaphe isicelo ngasinye. Yenza itsheki okanye iposoda ehlawuleka ku-: The Director-General: Agriculture. Iinkcukacha zebhanki zezi:
Standard Bank
Isebe: Arcadia
Inombolo yeAkhawunti: 011219556
Ikhowudi yesebe: 000845/010845
Malunga neenkonzo zogqirha wezilwanyana okanye unikelo lwexeshana kumhlambi wokuzalisa, kufuneka imvume ezuzwa kumbutho wabazalisi abachaphazelekayo.
Thumela ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siyakwamkelwa kwiintsuku ezingama-30.

Entla

Iindleko

Imiboniso, iinkonzo zogqirha wezilwanyana nokunikela okwethutyana kumhlambi wokuzalisa: R230
Ukusebenzisa amadlelo ngenjongo yoshishino: R86
Ukuhombisa ngezoshishino indawo yokutyebisa izilwanyana ezizakuxhelwa okanye ukuxhela ngokungqalileyo: R65

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application to import animals for certain purposes  
Application to import animals for certain purposes  
Application to import animals for certain purposes  

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


