

Isicelo sokungenisa elizweni iimveliso zezilwanyana ngenjongo yokuzisebenzisa ngokwakho okanye ukuzihambisa ukugqitha eMzantsi Afrika

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Kudingeka iphepha lemvume  yokungenisa izilwanyana xa ungenisa izilwanyana okanye iimveliso zezilwanyana kwiRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika.

Zikho izivumelwano zokungenisa izilwanyana kunye neemveliso zezilwanyana kweli lizwe. Njengoko izinto eziyimfuneko zempilo ziguquka rhoqo, nceda unxulumane neCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana  ukuze uqonde ngezinto eziyimfuneko zakutshanje.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo. Nxulumana neCandelo loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana  ukubangaba awuqinisekanga ukuba ugcwalise eyiphina ifom.
Faka imali yentlawulo yepemethe kwi-akhawunti yebhanki yeSebe:
Igama lebhanki: Standard Bank of South Africa
Igama lomnini-akhawunti: Department of Agriculture
Inombolo yeakhawunti: 011219556 International Band
Isebe: 010845
IB Brand 0001982 Centre Code
Swift Code SBZA-ZAJJ
Igama lesebe: Arcadia
Isaziso esibalulekileyo: Ireferensi kufuneka kube ligama nefani yomngenisi elizweni
Nceda uqhaphele: Umngenisi elizweni unoxanduva leentlawulo zebhanki kwakunye neentlawulo zeBhani yeZizwe iSebe alinakukhupha imvume xa intlawulo epheleleyo ye-ZAR110 ingamkelwanga.
Itsheki ehlawulwa ku-Director-General: Agriculture, ingaqhotyoshelwa kwifomu yesicelo ize iposelwe kwidilesi engentla.
Iintlawulo zingenziwa kananjalo kwiiofisi zeSebe lezoLimo ezikuluhlu lwee-Iindawo zoqhagamshelwano.
Ukuba wenzela omnye umntu isicelo, nceda uqinisekise ukuba uhlawula phantsi kwegama laloo mntu okanye laloo nkampani.
Akukho sicelo siyakuphunyezwa ngaphandle kobungqina bentlawulo. Ubungqina bentlawulo efakiweyo mabuthunyelwe kwifeksi ethi: 012 329 8292 eyamkelwa ngu: Ina Labuschagne.
Thumela iifom kule adresi:
The Director: Animal Health
Import Export Policy Unit
Private Bag X138
Pretoria
0001
okanye uzithumele kwifeksi ethi 012 329 8292
Nceda uchaze kwifom yesicelo ukuba ipemethe izayokuthathwa na okanye kufuneka ithunyelwe kuwe.
Kwiimeko apho izilwanyana kufuneka zivalelwe, umntu ozingenisa kweli makanxulumane neGosa lokuValelwa kwezilwanyana kwisango lokungena.
Johannesburg Ifowuni: 011 973 2827 okanye Ifeksi: 011 973 2828
Cape Town Ifowuni: 021 551 2050 okanye Ifeksi: 021 551 1378
Isikhululo sokuvalela esise Durban asisebenzi okwangoku, kodwa inkcazelo ingafunyanwa kuloo ofisi kwinombolo yomnxeba ethi: 031 368 6011 okanye ngefeksi ethi: 031 337 7469
IGosa lokuValela liyakwenza amalungiselelo okubekwa kwendawo kwiSikhululo sokuValela kwaye kufuneka ligcwalise le nxenye ibandakanyekayo yefom yesicelo. Iyakuthi ke ifom iphindiselwe ngefeksi kwi-ofisi yeepemethe, kwaye ke ipemethe yokungenisa kweli lizwe ebandakanyekayo iyakukhutshwa.
Kufuneka kugcwaliswe ifom yeSibhengezo soKhuseleko ekubekweni ityala  kwaye sifakwe apha kwifom yesicelo. Le fom yeSibhengezo soKhuseleko ekubekweni ityala ingafumaneka nakwi-Ofisi yeePemethe.
Emva kokufunyanwa kwefom yesicelo egcwalisiweyo, kuyakukhutshwa iPemethe yokuNgenisa iZilwanyana kweli kunye neSatifiketi seMpilo yeZilwanyana, zize ke zithunyelwe nqo kuwe.
Kufuneka kugcwaliswe nge-English, ngugqirha wezilwanyana ogunyaziselwe ukwenza njalo liZiko loLawulo lwemibandela yeZilwanyana lelizwe elithumela ngaphandle, kwisithuba seentsuku ezili 10 zokumka kwazo.
Ukuba kukho inkcazelo edingekayo malunga neemfuneko nqo zesilwanyana esithile okanye imveliso ethile yesilwanyana, iikopi zokubonisa zePemethe yokuNgenisa iZilwanyana kweli kunye nezeSatifiketi seMpilo yeZilwanyana, zingafumaneka kwi-Ofisi yeePemethe.
Kufuneka kuvezwe ezi zinto zilandelayo kwiGosa eliLawula ukuNgeniswa kweZilwanyana eMzantsi Afrika kwiSango lokuNgena:

iPemethe eluqobo lwayo yokuNgenisa iZilwanyana kweli
iSatifiketi esiluqobo lwaso seMpilo yeZilwanyana
nayiphina enye incwadi echaziweyo, umzekelo, iSibhengezo soKhuseleko ekubekweni ityala, iSatifiketi sokuGonyelwa uMgada, njalo-njalo.

Xa kungeniswa izikhumba namafele kunye neendebe ezimanzi okanye ezomileyo, ifom yesicelo mayingqinwe ngugqirha wombuso kummandla elikuwo eli ziko livunyiweyo. Ifom yesicelo mayiphinde ityikitywe kwaye igximfizwe isitampu ngugqirha wombuso obandakanyekayo, oyakuthi yena asibuyisele ngefeksi kwi-ofisi yeepemethe. I-ofisi yeepemethe iyakukhupha ipemethe yokungenisa izilwanyana kuphela yakube ifumene le fom yesicelo iloluhlobo.
Xa ungenisa izilwanyana eziphilileyo zasefama, ezifana neenkomo, iigusha, iibhokhwe, amahashe , kufuneka ufumane ipemethe yokuphucula izilwanyana phambi kokuba kukhutshwe ipemethe yokungenisa izilwanyana.
Zombini ezi pemethe ziluqobo lwazo kufuneka zithiwe thaca kwiGosa leZilwanyana kwisango lokungena, ndawonye neSatifiketi esiluqobo lwaso seMpilo yeZilwanyana esikhutshwe lilizwe elithumela ngaphandle.
Intlawulo okanye ubungqina bentlawulo kufuneka bukhaphe ifomu yesicelo. Akukho sicelo siya kulungiswa ngaphandle kobungqina bentlawulo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Diseases Act, 1984  with amendments 

Animal Health Act, 2002 


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kuthabatha iintsuku zokusebenza ezintathu okanye ezine ukuze kuphunyezwe ipemethe akube ugqirha wombuso wezilwanyana esivumile.

Entla

Iindleko

Uhlawula iR110 xa ufuna ipemethe yesiqhelo yokungenisa izilwanyana okanye iR900 xa ufuna ipemethe enkulu yokungenisa izilwanyana kweli lizwe.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application to import animals or animal products into the RSA  . Le fom isebenziseka kwinkoliso yeentlobo-ntlobo zezilwanyana eziphilayo.
Application to import animals or animal products into the RSA  . Le fom isebenziseka kwimiba efana neendidi ezithile zezikhumba namafele ekufuneka aye kusukwa, iindebe zokuzingela ekufuneka ziye kugcino lokuqwayita, kunye nemfuyo evela kumazwe athile angabamelwane ngeenjongo ezithile, ezifana nokuxhela nqo)
Application to import animals or animal products into the RSA  . Le fom isebenziseka kuyo nayiphina imveliso engabandakanyekiyo nengachazwanga kwenye ifom, okanye kwizilwanyana ezenzelwe umnyenyevu wokungavalelwa emva kokuba zingeniswe kweli. Oku kuxhomekeke kwimpilo yezilwanyana kumazwe athile.. Le fom isebenziseka kwinkoliso yeentlobo-ntlobo zezilwanyana eziphilayo)



Entla

Iinkcukacha zonxulumano


