﻿
Isicelo sokufumana incwadi yesazisi okokuqala
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Incwadi yesazisi  yincwadi eyazisa nengqina ngomntu. Iincwadi zezazisi zinikwa abemi baseMzantsi Afrika okanye abantu abaneepemethe zokuhlala isigxina kweli lizwe abaneminyaka eli 16 okanye nangaphezulu. Inganikwa nakubani osebenzela urhulumente okanye iqumrhu lasembusweni elingaphandle koMzantsi Afrika okanye umntu othunyelwe kwisikhundla sokusebenzela elinye ilizwe. Oku kugqithiselwa nakumlingane nabantwana balo mntu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo kwi-ofisi ekufuphi yezeKhaya okanye kwiZiko lobuMeli beli ukubangaba ukwilizwe langaphandle.
Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-9.
Hambisa isatifiketi sokuzalwa okanye incwadi yakudala yerefrensi eyakhutshwa phambi komhla we 1 Julayi 1986.
Ukubangaba ukuzalwa zange kubhaliswe kwaye akukho satifiketi sokuzalwa, gcwalisa ifom ekuthiwa yi BI-24/15 uze ufake kuyo okungenani incwadi ibenye exhasayo, umzekelo, isatifiketi sokuphehlelelwa, incwadi yesikolo okanye isatifiketi sokubeleka.
Hambisa iifoto ezimbini ezilingana kwi-ID.
Uyakunyatheliswa iminwe  ukuze ishicilelwe kwiNcwadi eBhale iNani neeNkcukacha zaBantu belizwe.
Abenzi-zicelo abatshatileyo mabakhuphe ikopi yesatifiketi somtshato.
Owasetyhini owenza isicelo sencwadi yesazisi kwaye enqwenela ukuphinda abuyele kuyo nayiphina ifani kwiifani awayekade esaziwa ngazo, makathi thaca ubungqina bokuba uvumelekile kuloo fani.
Umntu ongumngeni kweli lizwe owenza isicelo sencwadi yesazisi makafake kwesi sicelo ipemethe yokuhlala isigxina, isatifiketi sokwenziwa ummi weli lizwe okanye sokunikwa umnyenyevu, isatifiketi somtshato, kunye nefom ekuthiwa yi BI-529.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Identification Act, 1997  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha iiveki ezifikelela kwisibhozo.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



, BI-529 
Application for identity document, BI-9 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


