﻿
Isicelo sesibonelelo  ngokwenkqubo yoKwaba Ngokutsha uMhlaba wokuPhuhlisa eZolimo, ekuthiwa yi-Land Redistribution for Agricultural Development 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Inkqubo yoKwaba Ngokutsha uMhlaba wokuPhuhlisa eZolimo, ekuthiwa yi-Land Redistribution for Agricultural Development , yaqingqelwa ukunceda abemi ababekade bedlelwa indlala abangabahlali abaNtsundu, abangamaKhaladi kunye nabamaNdiya ukuze bathenge umhlaba okanye izixhobo zezolimo ngeenjongo ezingqale nqo kwezolimo.

Ukuze uvumeleke, kufuneka

ube ungumntu owayekade edlelwa indlala 
ubeneminyaka yobudala eli 18 okanye ngaphezulu
ube ujonge ukusebenzisa umhlaba ngeenjongo zezolimo kuphela
ube ujonge ukubangumfama ngokupheleleyo
ube awunasikhundla osibambileyo kumacandelo karhulumente
uzimisele ukuthabatha inxaxheba kwinkqubo yoqeqesho emva kokuba ufumene umhlaba
ubekwimeko yokuba ungenza igalelo
ubeliqumrhu elakhiwe ngokwamacandelo ukubangaba nenza isicelo ningumbutho, kwaye
ubene-akhawunti yebhanki.

Amafama aphumeleleyo anqwenela ukwandisa iinkqubo zawo angenza ezinye izicelo zegranti, kodwa igranti epheleleyo ye-LRAD kumenzi-sicelo omnye akufanelanga igqithe kwi-R100 000. Enye imali eyinkunzi yokuqalisa okanye yokwandisa iprojekthi yokufama kufuneka ifunyanwe ebhankini.

Akukho mfuneko yokuba igranti ye-LRAD ibuyiswe njengemali-mboleko. Kusetyenziswa indlela ethile yokubala ukuze kuqulungqwe ukuba umntu omnye uyakufumana malini na. Ukuze uvumeleke ufumane igranti eyi R20 000, kufuneka wenze igalelo le R5 000. Akukho mfuneko yokuba eli galelo libeyimali eyikhetshi – ingaba ngokohlobo lwezixhobo zokufama, imfuyo kunye nezinye impahla nezinto zokulima. Nkqu namandla wakho ongawafaka okanye owasebenzise kwiprojekthi, ayakubalwa njengegalelo elisisiseko.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Chaza umhlaba ofuna ukuwuthenga. Kungenjalo, mhlawumbi sele unawo umhlaba, ofana nomhlala onabanikazi abawudibaneleyo.
Nxulumana neSebe lezeMihlaba okanye igosa lendawo ohlala kuyo lesihlomelo sezolimo  ukuze wenze isicelo segranti.
Hambisa le miqulu ilandelayo nesicelo sakho:

umpoposho wokusebenzisa umhlaba okanye isicwangciso sokufama 
indlela yokukhetha ukuthengisa ngexabiso ekuvunyelwene ngalo ukubangaba ungenela isivumelwano sengqeshiso esinendlela yokukhetha ukuthenga
uluhlu lwamalungu ekhaya okanye amalungu ombutho, ukubangaba umpoposho ngowombutho
ubungqina bokuba itayitile kulo mhlaba icacile, ayinazibango zomhlaba, ibhaliswe ngegama lomthengisi kwaye ixabiso ekuthetha-thethwane ngalo alikho ngaphezulu kwexabiso eliphakanyiswe yimarike
ubungqina bokuba le mali iseleyo ikhona 
ingxelo yokuphonononga ixabiso


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Provision of Land Assistance Act, 1993  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo iyakuthabatha ixesha elibubuncinane obuziinyanga ezine, kodwa ukubangaba iiprojekthi zinobunzima, ingathabatha ngaphezulu kunoku.

Entla

Iindleko

Ubuncinane obuyi R20 000 buyakudinga imali eyeyomenzi-sicelo  ebubuncinane obuyi R5 000. Imali ephelela kwi R100 000 iyakudinga imali eyeyomenzi-sicelo ephelela kwi R400 000. Phakathi kweemali ezibubuncinane neemali ekuphelelwa kuzo, kukho iimali zegranti eziqhubekiswayo, kuxhomekeka kwigalelo elilelomthabathi-nxaxheba.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Uyakunikwa ifom ekufuneka uyigcwalise kwi-ofisi yephondo yeSebe lezeMihlaba okanye kwi-ofisi yesihlomelo sezolimo ekwindawo yabahlali.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


