






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Uluhlu Lweenkcazelo: A

ULUHLU LWEENKCAZELO: A

Iingcaciso zamagama asetyenziswa eburhulumenteni, zidweliswe ngokwee-alfabhethi. (Okwangoku oku akukafumaneki ngesiXhosa, kufumaneka ngesiNgesi.)



A   B   C   D   E   F   G   H   I   J   K   L   M   N   O   P   Q   R   S   T   U   V   W   X   Y   Z  



Abacebisi Abangaqeqeshwanga - Aba ngabasebenzi abazinikeleyo nabaqeqeshiweyo abanikezela ngeengcebiso nenkxaso kubantu basekuhlaleni ngokuthi babacebise.

Abanini-mashishini Abathengisela Amazwe Angaphandle Abasakhulayo - La ngamashishini athengisela amazwe angaphandle asakhulayo, ingakumbi asuka kwiingingqi ebezisa kuhleleleka.

Abantu Abafudukele Kwilizwe Ngokungekho Mthethweni - Aba ngabantu abafudukele kwelinye ilizwe ngaphandle kokufumana imvume kurhulumente welo lizwe.

Abasebenzi Abahlalayo - Aba ngabantu abasebenza kwifama nabakwavumelekileyo ukuba bahlale apho.

Abasebenzi Kunonophelo Lwezempilo - Aba ngabantu abanakekela izigulane, kuquka abongikazi noogqirha abakuqeqeshelweyo oko, iingcali zempilo yengqondo kwanabo bangakuqeqeshelwanga esikolweni ukunakekela abantu abagulayo.

Abathwa - Bebizwa kamnandi njengesizwe samaSan, aba bazingeli bahleli eMzantsi Afrika ubuncinane le minyaka idlulileyo ingamawaka alikhulu. Abantu abasekhoyo besizwe samaSan bahlala kwingingqi yeKalahari yoMntla Koloni.

Abathwa - Esi sisizwe sokuqala ukuma iNtshona Kapai. Esi sizwe yayingabazingeli.

Abazali Bemvelo - Aba ke ngabazali basesizalweni okanye bokwenene.

Amabakala kaRhulumente - URhulumente wenziwa ngamabakala okanye imigangatho emithathu. La mabakala ngala: elesizwe, elamaphondo kwaneleedolophu.

Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo
YAYAMENE

* Unyango Ngamachiza Alwa Intsholongwane kaGawulayo (Glossary)


Amalungelo Abazali - La ngamalungelo avunywa nangumthetho umzali anawo emntwaneni wakhe, malungelo lawo afana nelungelo lokugcina ukhulise loo mntwana kwanelungelo lokuthabatha izigqibo ngempilo yomntwana lowo.

Amalungelo Ezigulane - Oku koko izigulane kufuneka zikulindele kubasebenzi bezempilo, indlela izigulane ekufuneka ziphethwe ngayo.

Amalungelo Kuqoqosho Loluntu - Ekwabizwa njengamalungelo esizukulwana sesibini, la malungelo aquka ilungelo lokuba nendlu, ilungelo lokufumana amanzi kwanelungelo lokufumana imfundo. Umbuso unoxanduva lokwenza la malungelo afikeleleke kuphela ngokwezibonelelo onazo.

Amalungelo Oluntu - La ngamalungelo wonke umntu anawo ngenxa nje yokuba engumntu. Aquka ilungelo lokukhululeka, ilungelo lemfihlelo, ilungelo lokuvota kwanelungelo lokungaphathwa kakubi. Amalungelo oluntu athiwe thaca kuMgaqo-siseko woMzantsi Afrika aphantsi kokhuseleko lomthetho.

Amalungu eBhunga Eliyintloko - La ngamalungu epalamente yephondo anoxanduva lokujongana namasebe ahlukeneyo karhulumente wephondo. Umzekelo, uMcebisi Skwatsha, ujongene neSebe leMisebenzi Yoluntu Nezothutho.

Amaphulo Okhuseleko Ekuhlaleni
YAYAMENE

* IMbumba Ejongene Nokhuseleko Ekuhlaleni (Glossary)


Amashishini Amancinci, Asakhulayo Naphakathi - Amashishini anabaqeshwa abangaphantsi kwesihlanu aqhele ukubizwa njengamashishini asakhulayo. Lawo anabaqeshwa abasuka kwisihlanu ukuya kwishumi athatyathwa njengamashishini amancinci, ze lawo anabaqeshwa abasuka kwishumi ukuya kumashumi amahlanu athatyathwe njengamashishini aphakathi.

Amathuba Empangelo Alinganayo - Amathuba alinganayo nokuphathwa ngendlela eyamkelekileyo kwiindawo zentsebenzo. Ukuhleleleka kwangaphambili kuyasonjululwa ze ukungalingani kona kususwe ukuze kuphele nya.

Amathuba Okuthengisela Amazwe Angaphandle - Indlela karhulumente yokukhuthaza ngokuvuza, ngamaxesha amaninzi ngokuthi ishishini elithile lingarhafiswa kakhulu okanye lingarhafiswa konke konke , oko ke ibe kukukhuthaza iintengiso kumazwe angaphandle.

AmaXhosa - Esi sisizwe semvelo salapha eMzantsi Afrika esimi ikakhulu kwiNtshona neMpuma Koloni. Ulwimi lwabo, isiXhosa, lolunye lweelwimi ezilishumi elinanye ezisesikweni zeli lizwe.

Amaxhwele - Aba ngabantu abasebenzisa izityalo zemvelo kwanonyango lwezilwanyana ukuphilisa abo bagulayo.

AmaZulu - Esi sisizwe semvelo sephondo iKwaZulu-Natal apha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwaso, isiZulu, lolunye lweelwimi ezisesikweni ezilishumi elinanye kweli lizwe.



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uAgasti 2006



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





