
Isicelo sokubhalisa iziko labucala lemfundo noqeqesho oluqhubekayo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Bonke abaniki-nkonzo beenkqubo ze-FET ezinika iikhwalifikheyshini ezigcweleyo kwinqanaba 2 ukuya ku 4 loQingqo lweeKhwalifikheyshini zeLizwe ekuthiwa yi-National Qualifications Framework , kufuneka babhalisele ukubangaMaziko abucala eMfundo noQeqesho oluQhubekayo abizwa ngokuba zii-private Further Education and Training institutions . Abenzi-zicelo kukwafuneka babhaliswe ngokoMthetho weeNkampani, ekuthiwa yi-Companies Act, 1973 .

Amaziko anika iikhosi ezimfutshane, iinkqubo ezinganxulumananga ne-NQF okanye iinxenye zeekhwalifikheyshini, azichatshazelwa lubhaliso ngokomthetho we-FET, ekuthiwa yi-FET Act .

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leMfundo.

Top

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifom kwi-website yeSebe leMfundo.
Hambisa iifom zezicelo ezigcwalisiweyo kwiSebe leMfundo leLizwe.

Faka kwisicelo intlawulo engabuyiswayo eyi R500. Le mali iyahlawuleka ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki okanye nge-postal order.

Top

Umthetho osetyenziswayo

Private Further Education and Training Act, 1998  Chapter 5 UMthetho weMfundo noQeqesho lwaBucala oluQhubekayo, wango 1998  iSahluko 5

Regulations for the Registration of Private Further Education and Training Institutions, 3003 published in Government Gazette, 25642 of 31 October 2003 IMigqaliselo yokuBhaliswa kwaMaziko aBucala eMfundo noQeqesho oluQhubekayo, 3003, epapashwe kwiGazethi 25642 kaRhulumente, yangomhla wama 31 ku-Okthobha 2003


Top

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubhaliso lungathabatha iinyanga ezili 11 ukuze lugqitywe.

Top

Iindleko

R500

Top

Iifom ezigcwaliswayo

Application for registration as Private Further Education and Training Institutions, Form FRA-01A and FRA-011A (Isicelo sokubhalisela ukubaliZiko laBucala leMfundo noQeqesho oluQhubekayo, iFom FRA-01A kunye ne FRA-011A

Top

Iinkcukacha zonxulumano


