﻿

Isicelo selayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Inqanawa yokuloba yelizwe langaphandle  yinqanawa yommi ongengowaseMzantsi Afrika, o.k.t. ummi yelizwe langaphandle  kwaye ibhaliswe phantsi kwelinye iLizwe elinegunya lolawulo lwalo nqanawa  elingeyiyo iRiphabliki yoMzantsi Afrika ). Kuphela iba ziimeko ezingenakulawuleka  ezibangela ukuba inqanawa elolu hlobo iinikwe amalungelo okanye ibenemvumelwano yoMnikazi waseMzantsi Afrika oneLungelo (South African Right Holder) ukuba yenze imisebenzi yokuloba kummandla okhethekileyo (Exclusive Economic Zone (EEZ) okanye amanzi amazwe ngamazwe (international waters) phantsi kweflegi yaseMzantsi Afrika.

Akukho nqanawa yelinye ilizwe iya kukhutshelwa ilayisenisi yaseMzantsi Afrika yokuloba  ngaphandle kokuba iloba ihlangene nomnye uMnikazi waseMzantsi Afrika onelayisenisi yokuloba . Ngaphambi kokuqalisa imisebenzi yokuloba , makuqhagamshelwane neSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho , ukuqinisekisa ukuba ngaba ukunikwa imvume yokuloba kwenqanawa yokuloba kuya kuvumeleka kwelo candelo lithe ngqo lokuloba kwaye ngawaphi na amaxwebhu ayimfuneko ukulungiselela ukuvunywa kwesicelo esilolu hlobo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Xa ngaba ngokomqathango kunikwa inkxaso ukusetyenziswa kwenqanawa yelinye ilizwe, umenzi-sicelo kufuneka ukuba afumane ifom yokwenza isicelo selayisenisi yokuloba yenqanawa yelizwe langaphandle kwi-ofisi ekufutshane yeSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho .
Zalisa ifom yokwenza isicelo uze uyingenise kwi-ofisi ekufutshane kunye nawe yakwa -DEAT kunye nale ngcaciso ilandelayo:


igama lenqanawa yokuloba

igama neenkcukacha zenqanawa zomnikazi wenqanawa  ukuba yinqanawa ekudityenwe ngayo kunye ngabemi belizwe langaphandle kunye nabemi boMzantsi Afrika)

umlinganiselo wamandla e-injini yenqanawa 

ubude nomthamo wenqanawa 

inombolo yokubhalisa  yenqanawa

ilizwe elinegunya lolawulo  inqanawa ebhaliswe phantsi kwalo njengangoku ukuba .

isatifikethi esisemthethweni sokhuseleko esivela kwiLizwe i-Flag State


Inqanawa yokuloba iyakwenziwa inkqubo yovavanyelwa ukulungela iimeko zolwandle  yi-South African Maritime Safety Authority  ngeendelko zomnikazi nqanawa.

Zonke iinqanawa zamazwe angaphandle ziyacelwa ukuba zibe ne-INMARSAT C VMS esebenzayo apho kuzo ngaphakathi nenika ingxelo kubaLawuli boLwandle noNxweme . Oku makungqinisiswe licandelo i-Marine and Coastal Management's VMS Operations Section.
Kwisicelo sakho, bonisa icandelo lokuloba apho inqanawa iya kusebenza khona kwakunya nexesha lokusebenza kwayo .
Ileta esemthethweni evela kwi-Flag State's Fisheries Authority iya kufuneka, nevuma yokuba:

inqanawa ivunyelwe ukuloba kumanzi aseMzantsi Afrika
inqanawa ayizange nangaliphi na ithuba ibe yinxalenye yomsebenzi wobugwenxa ongekho mthethweni nongenamiqathango  fishing activity)
i-South African Fisheries Authority iya kuthwala uxanduva lokulawula le nqanawa
i-South African Fisheries Authority iya kuthwala uxanduva lokunika ingxelo malunga neentlanzi ezilotyiweyo kwi-Regional Fisheries Management Organisations  ukuba akuyomfuneko oko
ngokwe-RFMOs, iinkcukacha-manani ngeentlanzi ezilotyiweyo xa zizonke , nokuba ngaba kulapha ngaphakathi kummandla woMzantsi Afrika  okanye kwii-High Seas, eziya kufunyanwa eMzantsi Afrika ngethuba lokunikwa imvume yokuloba, ukuze
inqanawa yelizwe langaphandle iya kuloba phantsi kwemigaqo yoMzantsi Afrika neemeko zepemithi.

Ukuba inqanawa ayiyonqanawa ityunjiweyo ngokumalunga nenkqubo yokwabelwa amalungelo  ngoko ke umenzi-sicelo kufuneka azalise ifom yokutshintshwa kwenqanawa  Ukuze inqanawa ibenegunya lokuloba umenzi-sicelo kungafuneka azalise ifom yepemithi yokuloba  ngokwecandelo inqanawa eza kuloba kulo.
Okokugqibela, ukuba umenzi-sicelo unqwenela ukuba inqanawa ingaloba kummandla we-High Seas ngethuba lokunikwa imvume, ngoko ke kusafuneka ukuba kuzaliswe ifom yokwenza isicelo ye-High Seas.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  
The Sea Fishery Act, 1988  
The Sea-shore Act, 1935  
The International Convention for the Prevention of Pollution from Ships Act, 1986  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo sokusetyenziswa kwenqanawa yomnikazi welizwe langaphandle  , ipemithi yokuloba  nelayisensi i-high seas licence) singathatha iintsuku eziyi-14 kwezomsebenzi, ngokuxhomekeke ekufakweni ngokufanelekileyo kwezicelo.

Entla

Iindleko

R21 200-ngokumalunga nelayisensi yenqanawa yelizwe langaphandle
R1 695 – ngokumalunga nelayisensi i-high seas licence
R790 – ngokumalunga nepemithi yokuloba i-catch permit
Izicelo zokutshintshwa kwenqanawa njengangoku azihlawulelwa

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

The foreign vessel licence  Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


