

UBhaliso lwaMaqumrhu okuKhusela uMlilo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Wonke aMaqumrhu okuKhusela uMlilo kufuneka abhalise kwiSebe lezaManzi naMahlathi, ekuthiwa yi-Department of Water Affairs and Forestry .

Abenzi-zicelo abanqwenela ukubhalisa basengafuneka bazalisekise imiqathango ethile phambi kobhaliso okanye emva kobhaliso. Oku kukwabandakanya imiqathango eboniswe kulungiso lomgaqo-siseko waMaqumrhu.

Linye kuphela iQumrhu lokuKhusela uMlilo elinokubhaliswa kummandla ongqaliweyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Fumana iFom 1, ekuthiwa yi-Application for registration of a fire protection association kwiSebe lezaManzi naMahlathi ekuthiwa yi-Department of Water Affairs and Forestry .
Gcwalisa ifom kwaye uyithumele kwi-ofisi ye-DWAF ekufuphi kuwe.
Isicelo sakho siyakuvavanywa, kwaye, ukubangaba sivunyiwe, isebe liyakukwazisa ukuba ugcwalise iFom 2 ekuthiwa yi-Application for the registration of a fire protection association.
Gcwalisa kwaye uthumele iFom 2 kwi-ofisi yeSebe lezaManzi naMahlathi ekufuphi kuwe.
Isicelo sakho siyakuvavanywa kwakhona, kwaye, ukubangaba sivunyiwe, isebe liyakukhupha isatifiketi sobhaliso.
Isicelo sakho sobhaliso kufuneka siqulathe le nkcazelo ilandelayo:

iinkcukacha zequmrhu lokukhusela umlilo elingumgqatswa
iinkcukacha zomntu oqalisa inyathelo lobhaliso lwequmrhu lokukhusela umlilo elingumgqatswa
isibhengezo sokuba akukho mnikazi okhethwe ngabom kubandakanyo kwiintlanganiso neengxoxo malunga nokusekwa kweli qumrhu lokukhusela umlilo
iinkcukacha zommandla elinegunya lokusebenza kuwo eli qumrhu lokukhusela umlilo lingumgqatswa
isibhengezo sokuba alikho elinye iqumrhu lokukhusela umlilo elijongiweyo okanye elikhoyo ngaphakathi kulo mmandla wequmrhu lokukhusela umlilo elingumgqatswa
isibhengezo esenziwe ngumntu oqalisa inyathelo lokusekwa kwequmrhu lokukhusela umlilo
isiphakamiso esenziwe ngummeli ofanelekileyo worhulumente wendawo yabahlali
isiphakamiso esenziwe ngummeli wengingqi wesebe lezamanzi namahlathi
isibhengezo esenziwe ngumqondisi oyintloko wengingqi weSebe lezaManzi naMahlathi.


Entla

Umthetho osetyenziswayo




National Veld and Forest Fires Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akunakuthabatha ngaphezulu kweentsuku zokusebenza ezingama 30 ukuze kuvavanywe isicelo sakho kwaye kubhaliswe iqumrhu ukubangaba yonke inkcazelo eyimfuneko inikiwe.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa

Entla

Iifom ezigcwaliswayo





Form 1:Application for registration of a fire protection association 
Form 2: Application for the registration of a fire protection association 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


