

Isicelo selayisensi entsha yompu

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Phambi kokuba ubenompu, kufuneka uqale ufumane ilayisensi yompu kwiNkonzo yaMapoilisa aseMzantsi Afrika, ekuthiwa yi-South African Police Service . Kufuneka ubenelayisensi yompu ngamnye onawo.

Abantu abanqwenela ukubangabanikazi bemipu kufuneka baqale baphumelele uvavanyo loqeqesho oluqingqiweyo kwiziko loqeqesho elinoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa  kwaye bafumane isatifiketi sokuphumelela uqeqesho. Uluhlu lwamagama wamaziko oqeqesho anoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa lugcinwa kwi-website ye-SAPS okanye ungatsalela umnxeba kwiZiko laMapolisa lokuTsalela uMnxeba leMipu yeLizwe kwinombolo ethi: +27 12 353 6111 okanye uthumele ifeksi e: +27 12 353 6036 ukuze ufumane inkcazelo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Kufuneka ugqibe ngempumelelo uvavanyo oluqingqiweyo ukuze ungqine ulwazi lwakho ngoMthetho wokuLawula iMipu ekuthiwa yi-Firearms Control Act, 2000, kumniki-nkonzo zoqeqesho onoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa.
Wakube ufumene isatifiketi soqeqesho esiphuma kumniki-nkonzo zoqeqesho onoqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa okanye kwi-SASSETA , yenza isicelo sesatifiketi solwazi nezakhono kwiNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika. Gcwalisa ifom ekuthiwa yi-SAPS 517 .
Emva kokuba ufumene iSatifiketi soLwazi neZakhono, gcwalisa amacandelo afanelekileyo efom ekuthiwa yi-SAPS 271 . Yisa ifom kwiGosa eliSebenza ngeMipu kwisikhululo samapolisa esikufuphi kwindawo ohlala kuyo.
Phatha le miqulu ilandelayo xa usiya kwiGosa eliSebenza ngeMipu:

incwadi yakho yesazisi egunyazisiweyo neluqobo lwayo
iSatifiketi soQeqesho esiluqobo lwaso esiphuma kwi-SASSETA
iSatifiketi soLwazi neZakhono esiluqobo lwaso 
incwadi yokutyunjwa njengomabi-lifa, ukubangaba umpu ufunyenwe njengelifa
iifoto zombala eziphume ngokucacileyo, ezilingana kwipaspoti kwaye ezingagqibanga iinyanga ezintathu zifotiwe.

Faka iziphakamiso zokuxhasa isicelo sakho ngokugcweleyo kwaye ufake imiqulu yokuxhasa esi sicelo.
IGosa eliSebenza ngeMipu liyakukunyathelisa iminwe epheleleyo  kwifom ekuthiwa yi-SAPS 91.
IGosa eliSebenza ngeMipu liyakukunika isiqwengana sephepha lokuhlawula kwaye likuthumele kwi-Ofisi yezeMali kwisikhululo samapolisa ukuze uhlawule le mali ichaziweyo. Le ntlawulo mayenziwe ngekhetshi okanye ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki. Uyakunikwa irisiti yenkcitho  njengobungqina bentlawulo kwaye kufuneka uyise kwiGosa eliSebenza ngeMipu ukuze likwazi ukuqhubeka ngesicelo sakho.
Uyakufumana incwadi esayiniweyo evuma ukufunyanwa kwesicelo , njengobungqina bokuba ufake isicelo selayisensi yokubanompu.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Firearms Control Act, 2000,  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

IGosa eliSebenza ngeMipu liyakuthumela ifom yesicelo, ndawonye nemiqulu exhasa isicelo, kwiZiko eliKhulu loBhaliso lweMipu, ekuthiwa yi-Central Firearms Register  ukuze siqwalaselwe. Emva kokuqwalaselwa ngempumelelo kwesicelo sakho, iGosa eliSebenza ngeMipu liyakukucela ukuba, kwisithuba seentsuku ezili 14 umise ibhokisi yokugcina umpu ngokhuseleko  efezekisa imigangatho ebekwe nguGunyaziwe weMigangatho waseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-South African Bureau of Standards . IGosa eliSebenza ngeMipu liyakuya kuhlola indawo yakho ukuze liqinisekise ukuba ngenene uzifezekisile iimfuno zokugcina umpu ngokhuseleko. Kwakube kufunyenwe iNgxelo ephumeleleyo yokuHlolwa kokuGcinwa koMpu ngoKhuseleko , uyakuthunyelwa ilayisensi yakho.

Entla

Iindleko

iSatifiketi soLwazi neZakhono: R70
ILayisensi yoMpu: R140

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for a competency certificate, SAPS 517 

Application for a licence to possess a firearm, SAPS 271 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


