﻿
Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina – abantu abazimeleyo ngokwemali
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo isebenziseka kumntu welizwe langaphandle ozimeleyo ngokwemali. Izicelo zingenziwa kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwiziko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-947 kunye ne BI-29.
Hambisa uqinisekiso olwenziwe ngumgcini nomhloli wee-akhawunti zemali olilungu lequmrhu labagcini nabahloli bee-akhawunti zemali , lokuba unemali eyinzuzo eyeyakho nqo ebubuncinane besiseko esimiselweyo esixabisa iR7,5 million, kwaye uyihlawule imali ebekiweyo kwiSebe lezeKhaya eyi R75 000.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for permanent residence permit, BI-947 (Isicelo sepemethe yokuhlala isigxina
Power of attorney in respect of an application for a temporary or permanent residence permit, BI-29 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


