

Isicelo sesatifiketi esiphuma emapoliseni esichaza ubume ngokobugebenga

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo ifumaneka kubantu abadinga ukuqonda ubume babo ngokobugebenga ngeenjongo zokulifulathela eli besiya kuhlala kwamanye amazwe okanye besiya kusebenza phesheya ixesha elide.

Kuyakukhutshwa isatifiketi esichazayo ukuba ngaba zikho na izenzo zobugebenga ezixelwe ngomenzi-sicelo.

Nangona nje iminwe iyakunyatheliswa kwizikhululo zamapolisa kwiindawo abahlala kuzo abenzi-sicelo, ukuphononongwa kwazo kunye nokukhutshwa kwesatifiketi kwenziwa kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga  e Pretoria, kuphela.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Thumela unyatheliso olupheleleyo lweminwe yakho , olwenziwe kwisikhululo samapolisa esikufuphi kuwe, kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga. Qinisekisa ukuba igama lakho elipheleleyo, ifani, umhla wokuzalwa, indawo owazalelwa kuyo kunye nenombolo yesazisi , ziyabhalwa kwifom eneminwe enyathelisiweyo.
Phatha incwadi yakho yesazisi xa usiya esikhululweni samapolisa kuba kuyakufuneka ubungqina bolwaziso lwakho.

Nceda uqaphele ukuba ezinye izikhululo zamapolisa ziyakwamkela ezi zicelo ngexesha leeyure ze-ofisi kuphela .

Abemi baseMzantsi Afrika abahlala ngaphandle kweli lizwe bangenza izicelo kuso nasiphina isikhululo samapolisa kwelo lizwe bakulo, okanye kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika. Iminwe inganyatheliswa kwiifom ezigunyazisiweyo zokunyathelisa iminwe zelo lizwe bakulo. Ifom enyathelisa iminwe kufuneka ityikitywe  ngulo mntu unyathelisa iminwe. Isicelo masikhatshwe lunyatheliso olupheleleyo lweminwe kunye nekopi yencwadi yesazisi okanye yepaspoti yomenzi-sicelo.
Isikhululo samapolisa siyakuthumela esi sicelo kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga. Kwiimeko ezingxamisekileyo, umenzi-sicelo angaposela esi sicelo kule adresi ilandelayo:
The Head of the South African Criminal Record Centre

Private Bag X308
PRETORIA
Gauteng
South Africa
0001
Isicelo singasiwa nangesandla kule ndawo ilandelayo:
The Head of the South African Criminal Record Centre

Sanlam Plaza West
CRC Client Service Centre
1st Floor
271 Schoeman Street
Pretoria
Intlawulo yale nkonzo ingenziwa ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki okanye nge-odolo yemali elungiselelwe ukuhlawuleka kuMkomishina weNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika .

Isatifiketi esiphuma emapoliseni esichaza ubume ngokobugebenga singaphinda sikhutshwe mahala ukubangaba sicelwe kwisithuba seenyanga ezintandathu zesicelo sokuqala. Njengoko izatifiketi zigcinwa kwiingxelo iinyanga ezilithoba kuphela, kuyakufuneka kuthunyelwe isicelo esitsha xa sele kuphele iinyanga ezilithoba.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Police Service Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi singakhutshwa kwisithuba seentsuku zokusebenza ezingama 28. Ezi zatifiketi zifunekayo ziyakuposelwa kumenzi-sicelo ngeposi yesiqhelo, ngaphandle kokuba kwenziwe amalungiselelo wokuya kuzithatha ubuqu okanye ngenqwelo ethuthela abantu ekuthiwa yi-courier  kwiZiko laMapolisa lokuGcina iiNgxelo zeZenzo zoBugebenga.

Entla

Iindleko

R59

Xa siphindwa ukukhutshwa isatifiketi, kwisithuba seenyanga ezintandathu, sikhutshwa mahala.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom ezifanelekileyo ekunyatheliswa kuzo iminwe zigcwaliswa ligosa lamapolisa.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


