

Isicelo sokwengeza ixesha okanye sokuguqula ipemethe yokusebenza yomntu oqeshiweyo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo yeyabantu abaneepemethe zokusebenza abajonge ukwengeza ixesha lazo okanye ukuziguqula. Isicelo sokwengeza ixesha okanye sokuguqula ipemethe kufuneka senziwe kwiiveki ezisibhozo phambi kokuphelelwa kwepemethe. Iipemethe eziphelelweyo azinakongezelwa xesha.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-159: G kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya. Yenza isicelo kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika ukubangaba ukwilizwe langaphandle.
Abaqashi kufuneka bagcwalise umba we 6 nowe 6.1 kwifom yesicelo.
Abaqashi kufuneka batyikitye  isibhengezo kwaye bagximfize isitampu senkampani.
Ukubangaba asikho isitampu, ingqesho kufuneka ingqinwe ngencwadi esecaleni ekwisihloko esigunyazisiweyo senkampani.
Hambisa isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa .
Hambisa ikopi yekhontrakthi egunyazisiweyo yengqesho.
Ukubangaba kuyabandakanyeka, hambisa ubungqina bobhaliso kwiqumrhu elifanelekileyo lobuchule boqeqesho.
Veza imiba ebonisa izicwangciso zomenzi-sicelo zexesha elizayo.
Hambisa izibhengezo zokwazisa  ngesikhundla, ukubangaba ithuba lekhontrakthi yokuqala yengqesho lizakongezwa.
Hambisa ingxelo yenkqubela engqina ukuba abemi baseMzantsi Afrika okanye abahlali abasisigxina baqeqeshiwe okanye bayaqeqeshwa.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002 , as amended 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

R1 520

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Application for an extension of the validity  of an existing permit, BI-159: G Isicelo sokongeza ixesha lokusebenziseka  kwepemethe ekhoyo)

Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


