﻿
Isicelo sokunikwa isatifiketi esibonisa ukuphila nokucoceka sokuthumela izityalo kunye neemveliso zezityalo kumazwe angaphandle
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abantu abathumela izityalo kunye neemveliso zezityalo kumazwe angaphandle kufuneka babenemvume ebonisa ukuphila nokucoceka kwazo eluhlobo lwepemethe yokungenisa elizweni ekhutshwa nguMbutho weLizwe wokuKhusela iZityalo, ekuthiwa yi-National Plant Protection Organisation , welizwe elingenisayo kunye nesatifiketi esibonisa ukuphila nokucoceka esiphuma kwi-NPPO yaseMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qonda kumngenisi-ngaphakathi okanye kwi-eyijenti kwilizwe elingenisayo ukuba ingaba imiqathango ebonisa ukuphila nokucoceka ibandakanya ntonina na kweli lizwe lingenisayo. Nayo i-NPPO yaseMzantsi Afrika ingayinika inkcazelo.
I-eyijenti okanye umngenisi-ngaphakathi kwilizwe elingenisayo kufuneka enze isicelo sogunyaziso esifana nepemethe yokungenisa elizweni ephuma kwi-NPPO yelizwe elingenisayo. Imiqathango yokungenisa ixeliwe kwipemethe yokungenisa elizweni.
Ngokuhlangana ne-NPPO yaseMzantsi Afrika, qonda ukuba unako na okanye awunako ukuhambisana nemiqathango yokungenisa yelizwe elingenisayo.
Ukubangaba kungahanjiswana nemiqathango yokungenisa, umthumeli-ngaphandle angenza isicelo sesatifiketi esibonisa ukuphila nokucoceka kwi-NPPO yaseMzantsi Afrika.
Umthumeli-ngaphandle makase ezi mpahla zizakuthunyelwa ngaphandle kwi-NPPO yaseMzantsi Afrika ukuze zivavanywe kwaye ziqinisekiswe.
I-NPPO yaseMzantsi Afrika ikhupha isatifiketi esibonisa ukuphila nokucoceka ukubangaba ezi mpahla ziyahambisana neemfuno zokungenisa zelizwe elingenisayo.
Ezi mpahla kufuneka zithunyelwe kwilizwe langaphandle kwisithuba seentsuku ezili 14 zokuhlolwa kokugqibela.
Isatifiketi esiluqobo lwaso sokubonisa ukuphila nokucoceka kufanele sihambe nezi mpahla.
Xa izityalo neemveliso zezityalo zifika kwisango lokungena kwilizwe elingenisayo, abahloli bezityalo be-NPPO yelizwe elingenisayo bayakuzivalela ezi zityalo ukuze zivavanywe kwaye zihlolwe.
I-eyijenti okanye umngenisi-ngaphakathi makaphumeze zonke iincwadi  kumagosa eempahla welizwe elingenisayo kwisango lokungena.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Agricultural Pests Act, 1983  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ixesha elithatyathwayo ukuze kukhutshwe isatifiketi esibonisa ukuphila nokucoceka lixhomekeke kwisivumelwano sokuthumela ngaphandle  kwimveliso ethile nakwilizwe elithile.

Entla

Iindleko

Within official hours: R115 per certificate
Outside official hours:

weekdays from 16h00 - 20h00/ 06h00 - 07h30 and Saturdays from 06h00 - 20h00: R173 per certificate
weekdays and Saturdays from 20h00 - 06h00, Sunday and public holidays: R230 per certificate

On commercial and single items : R50 per certificate

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for the issuance of a phytosanitary certificate 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


