
Isicelo sepemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle



Inkcazelo

Ipemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle iyafuneka ukuze kuqinisekiswe ukuba umntu okanye umbutho oneenjongo zokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle uhambisana nemiyalelo yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle kwaye uyahambisana nemimiselo yezivumelwano zamazwe ehlabathi. Iipemethe zokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle zikwanceda ekulawuleni ukuphuma kwempahla nezinto ezinobaluleko oluthile okanye ukuphuma kwempahla nezinto ezirhubuluziswa ngomgunyathi okanye ezibiweyo.

Umgaqo osebenziseka ekungeniseni impahla nezinto kweli lizwe, nasekuthumeleni impahla nezinto kumazwe angaphandle, wahluka ngokwamacandelo eli shishini. Kwakhona, uninzi lwempahla nezinto ezintsha zinomnyenyevu wokungabandakanywa kumanyathelo okulawula ukungena kwempahla nezinto kweli lizwe. Ngoko ke, ukubangaba udinga inkcazelo yomgaqo malunga nokungeniswa nokukhutshwa kwempahla nezinto ezichaziweyo, nceda unike i-ofisi yoLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle , ekwiSebe lezoRhwebo naMashishini.

Ayizizo zonke impahla nezinto okanye iimveliso eziphantsi kwamanyathelo olawulo lokungena nokuthunyelwa ngaphandle okanye lokuthunyelwa ngaphandle. Nangona kunjalo, zonke impahla nezinto esele zisetyenzisiwe, impahla nezinto ezingamasekendi, izinto ezichithwayo nezilahlwayo, ziphantsi kwamanyathelo olawulo lokungena kweli lizwe. Luyafumaneka uluhlu lwamagama empahla nezinto eziphantsi kwamanyathelo olawulo lwempahla nezinto ezingena kweli lizwe kunye nezithunyelwa kumazwe angaphandle. Ukubangaba unika iinkcukacha zonxulumano, olu luhlu ungaluthunyelwa ngeposi, ngefeksi okanye nge e-mail.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwi International Trade Administration Commission.



Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana neZiko loLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle, leSebe lezoRhwebo naMashishini.
Gcwalisa iifom zesicelo ongazifumana kwiSebe lezoRhwebo naMashishini.
Thumela iifom kwiCandelo loBuqondisi boLawulo lweMpahla neZinto eziNgena kweli Lizwe kunye neziThunyelwa kuMazwe aNgaphandle .

Umthetho osetyenziswayo

International Trade Administration Act, 2002  UMthetho wokuLawulwa koRhwebo lwaMazwe eHlabathi

Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ixesha elifikelela kwiintsuku ezintathu ukuze kuqhubekiswe isicelo sakho sepemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle.

Indleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo

Application for export permit: motor vehicle 

Application for export permit: ferrous and non ferrous waste and scrap Isicelo sepemethe yokuthumela impahla nezinto kumazwe angaphandle: izinto ezichithwayo nezilahlwayo ezinentsimbi nezingenantsimbi)

Application for an export permit general goods 


Inkcukacha zonxulumano



