

Isicelo sokuncediswa kwiinkqubo zokuphuhlisa iimarike zokuthumela iimveliso neenkonzo kumazwe angaphandle kunye notyalo-mali

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Icebo lesicwangciso sokuNcedisa iiMarike zokuThumela iiMveliso neeNkonzo kuMazwe aNgaphandle kunye noTyalo-mali, ekuthiwa yi-Export Marketing and Investment Assistance  lijonge

Ukunika imbuyekezo eyinxalenye yeendleko ezithile ezifumaneke ngokwemisebenzi ejongene nokuphuhlisa iimarike zokuthumela iimveliso neenkonzo zaseMzantsi Afrika kumazwe angaphandle, kunye
nokugaya utyalo-mali lwamazwe angaphandle olutsha noluza nqo eMzantsi Afrika.

I-EMIA inika abathumeli-ngaphandle uncediso lwemali ukuze babonise ngeemveliso neenkonzo zabo kumazwe ehlabathi kwaye iyancedisa kwiinkqubo zabo zokwakha ubudlelwane ukuze bafumane iimarike zokuthumela iimveliso neenkonzo kumazwe angaphandle kunye notyalo-mali lwamazwe angaphandle oluza nqo. Ikwancedisa ekulinganiseleni iindleko zemarike zomthumeli-ngaphandle.

Le nkonzo ijoliswe kwezi klayenti zilandelayo:

Abenzi beemveliso baseMzantsi Afrika, kubandakanywa amashishini amancinane, aphakathi kunye nasakhasayo abizwa ngokuba zii-small, medium and micro enterprises , abantu ababekade bedlelwa indlala ekuthiwa zii-previously disadvantaged individuals  kunye namanye amashishini anobunikazi.
Amashishini eenkonzo ngokweeprojekthi, ngokusekelwe kubungqina obuvela kwiBhunga lokuThumela iiMveliso neeNkonzo kuMazwe aNgaphandle okanye kwi-Ofisi yeCandelo le-TISA, bokuba le projekthi yenkonzo ethile iyakubayinzuzo kwicandelo kwaye yongeze ixabiso.
Amaziko aseMzantsi Afrika okurhweba namazwe angaphandle.
Ii-arhente zekhomishini zaseMzantsi Afrika ezimele amashishini amathathu nangaphezulu ee-SMMEs okanye anobunikazi babantu ababekade bedlelwa indlala.
AMabhunga aseMzantsi Afrika okuThumela iiMveliso neeNkonzo kuMazwe aNgaphandle , AMaqumrhu waMashishini  kunye neMibutho yokuThabatha aManyathelo aDityanelweyo .

Kufumaneka ezi nkqubo zilandelayo phantsi kwecebo lesicwangciso se-EMIA:

Inkqubo

National and Mini National Pavilions  
Individual Exhibitions 
Primary export market research 
Foreign Direct investment Research 
Sector Specific Assistance 
Outward Selling Trade Missions 
Outward Investment Recruitment Missions 
Inward Buying Trade Missions 
Inward Investment Missions 

Izikhokelo ezingqale kwinkonzo nganye ziyafumaneka kwi-website ye-dti

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya KwiSebe le zoRhwebo naMashishini

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Inkonzo nganye ye-EMIA inencwadana yayo yezikhokelo, equlathe inkcazelo malunga nendlela yokuvumeleka, amaxesha abekiweyo kunye neenzuzo ezibandakanyeka kwiinkqubo ezahlukeneyo zamacandelo.

Inyathelo lokuqala: Sebenzisa incwadana yezikhokelo

Iifom zesicelo kunye neencwadana zezikhokelo ezingqamene nezi fom kufuneka zifundwe kunye. Isicelo siyakuphumelela kuphela xa singqamaniswe neemfuneko ezixelwe kwii "Ncwadana zeZikhokelo" .
Funda le miqulu ngocoselelo ukuze uyazi kakuhle imigaqo neenkqubo.

Inyathelo lesibini: Gcwalisa ifom yesicelo

Lunikiwe uluhlu oluphangaleleyo lwemiqulu ekufuneka ithunyelwe nesicelo. Incwadana yezikhokelo nayo iyakubonisa ukubangaba kukho eminye imiqulu efunekayo.
Ukubangaba uthumela inkcazelo ekhohlisayo okanye usebenzisa kakubi naliphina icebo lesicwangciso soncediso lwe-EMIA, ungangabandakanywa kolunye uncediso oluphantsi kwecebo lesicwangciso se-EMIA se-TISA.

Inyathelo lesithathu: Hambisa isicelo

Amashishini angathumela izicelo eziphelela kwisithandathu enyakeni, kwaye baqingqelwe izicelo ezine kwicebo lesicwangciso ngasinye. Nawuphina umnyenyevu womahluko kufuneka ugunyaziswe nguManejala oMkhulu we-EMIA.
Iifom zesicelo ezigcwaliswe ngokuchanekileyo kufuneka zithunyelwe kwisithuba sexesha lenkonzo nganye ye-EMIA.
Izicelo ezifike emva kwexesha nezingagcwaliswanga ngokupheleleyo aziyi kuqwalaselwa.

Inyathelo lesine: Ukuqhubekiswa kwesicelo

I-EMIA iyakuthumela incwadi yokuvuma ukufunyanwa kwesicelo kwisithuba seeyure zokusebenza ezingama 48 emva kokuba ifumene isicelo sakho. Le ncwadi yokuvuma ukufunyanwa kwesicelo kufuneka ibandakanywe kuyo yonke imbalelwano nonxulumano lwexesha elizayo ne-EMIA.
Ukubangaba isicelo siphelele yaye sinayo yonke imiqulu yokuxhasa eyimfuneko kwaye siyahambisana nendlela yokuvumeleka sivunywe, siyakuthi ke siqwalaselelwe ukuvunywa.

Inyathelo lesihlanu: Ukuvunywa okanye ukwaliwa kwesicelo

I-EMIA iyakukwazisa ngokuba isicelo siphumelele na okanye saliwe kwisithuba seeyure ezingama 48 emva kokuba kuthatyathwe isigqibo sokugqibela.
Izicelo azinakuvunywa ngomlomo. Kufuneka uqinisekise ukuba isicelo sivunywe ngencwadi ebhaliweyo phambi kokuba unduluke.
Ikopi yesaziso sokuvunywa kufuneka ikhaphe yonke imbalelwano nonxulumano lwexesha elizayo kunye nokuthunyelwa okanye ukuthunyelwa kweminye imiqulu kwi-EMIA. Ukubangaba i-EMIA ifumana enye imbalelwano nonxulumano okanye imiqulu engasibandakanyiyo isaziso sokuvunywa, i-EMIA ayinakuthwaliswa uxanduva ukubangaba le miqulu ilahlekile okanye ibekwe kwiindawo ezingachanekanga. Ukubangaba le miqulu ilahlekile, loo nto ingathintela okanye ilibazise inkqubo yokuqhubekiswa kwesicelo.

Sakuba sivunyiwe isicelo soncediso, kufuneka kugcwaliswe ifom yesibango ye-EMIA, yonke imiqulu yokuxhasa kunye noxwebhu olufanelekileyo lwemibuzo, kwaye le miqulu ithunyelwe kwi-EMIA kwisithuba seenyanga ezintathu zomhla wokubuya kwindawo evunyiweyo obuye kuyo yoshishino.

Ukubangaba kukho imiba okanye imiqulu engekhoyo malunga nesibango emva kweenyanga ezintathu, isibango siyakwaliwa.

I-EMIA iyakukwazisa ngokuvuma kwayo kwisithuba seentsuku zokusebenza ezingama 20 emva kokuba isibango sithunyelwe kwii-EMIA.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Lemiqulu ifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.

International Trade Adminstration Act, 2002 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Umgangatho wenkonzo wahluka ngokwenkonzo nganye.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iinkampani okanye umntu ongumnikazi weshishini eyedwa tshu, kufuneka bakhuphe izatifiketi ezisebenzisekayo zokubamsulwa ngokwerhafu ukuze baxhamle kule nkonzo. Ngoko ke, kufuneka ume kakuhle ngokwerhafu.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Nceda ubhekise kwi-website ye-dti. Inkonzo nganye inefom yayo yesicelo kunye nezikhokelo zayo. Iifom zezibango zikwafumaneka kwiinkonzo ezahlukeneyo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


