
Isicelo sesatifiketi sokuthumela isiselo esinxilisayo kumazwe angaphandle
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abantu abacinga ukuthumela iziselo ezinxilisayo ngaphandle mabavule i-website ethi: www.dawineonline.co.za, apho bayakufumana khona umgaqo wayo yonke inkqubo yokuthumela ngaphandle, osekelwe kwi-internet. Abathumeli-ngaphandle kufuneka babhalise phambi kokuba basebenzise le nkqubo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukuze ubhalisele ukubangumthumeli-ngaphandle, thumela i-email ku rhonelb@nda.agric.za. Bayakuthi ke bona bakuthumele nge-email yonke inkcazelo edingwa ngumthumeli-ngaphandle ukuze abhalise.
Uyakunikwa igama lokuzazisa kunye nophawu lokuvulela ukungena  ukuze usebenzise le nkqubo.
Zenze zonke izicelo kunxibelelwano lwe-online.
Thumela isicelo esahlukileyo kwimveliso nganye yesiselo esinxilisayo eyahlukileyo kwezinye iimveliso zeziselo ezinxilisayo, malunga nomntu ekuthunyelwa kuye, okubandakanyekayo, imibhalo echaza okuqulathiweyo okanye inombolo yomthwalo othunyelwayo.
Umthwalo othunyelwayo wesiselo esinxilisayo mawahlulwe kwezinye iziselo ezinxilisayo. Kulo mthwalo kufuneka kuthiwe krapa ithamo eliyi 2,25 litres  okungenani, ukuze lingcamlwe. Le mithamo kufuneka ifike kwii-ofisi zeeMveliso zeZiselo eziNxilisayo ingabethanga intsimbi yesine emva kwemini ngosuku lwangoLwesibini ukuze ingcanyulwe ngoLwesine, futhi ifike ingabethanga intsimbi yesine emva kwemini ngosuku lwangoLwesine ukuze ingcanyulwe ngoLwesibini olandelayo.
Yazisa iCandelo loPhengululo loMgangatho  leSebe leZolimo kwinombolo yomnxeba ethi 021 809 1704 phambi kokuba ulayishe umthwalo othunyelwayo.
Xa ulayisha isambuku esikhulu seenkonkxa, kufuneka ukrapaze ithamo lokuhlolwa  kwinkonkxa nganye. Ukubangaba akukho mhloli ukhoyo kuloo ndawo ngelo xesha, wena mthumeli-ngaphandle, unoxanduva lokukrapaza le mithamo yokuhlolwa kwaye uyise kwiCandelo leeMveliso zeZiselo eziNxilisayo  e-Stellenbosch.
Bhengeza oku kulayishwa kwicandelo kwisithuba seeyure ezingama 48.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Liquor Products Act, 1989  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Njengabasebenzisi abavunyiweyo, abathumeli-ngaphandle okanye abameli babo abafana nee-arhente zothutho lwempahla, bangaziprintela ngokwabo izatifiketi zokuthumela ngaphandle kwi-website okanye bayekuzithatha kwiCandelo leeMveliso zeZiselo eziNxilisayo  e-Stellenbosch.
iCandelo leeMveliso zeZiselo eziNxilisayo ze VI 1  kunye nezatifiketi zokucazulula.

Entla

Iindleko

Isatifiketi sokuthumela ngaphandle esinemithamo ekrapaziweyo: R58 plus R4,50 per hl
Isicelo esayamene nolawulo: R27 plus R4,50 per hl
Ukuvuselelwa kwethuba lomnyenyevu woluvo: R110, kudityaniswe nentlawulo yokucazulula
Umnyenyevu wokungabandakanywa: R37
Iimveliso ze VI 1 kunye nezinye izatifiketi zokucazulula: R27
Ukuhlolwa kwemithwalo ethunyelwa ngaphandle, emva kweeyure ezigunyazisiweyo zokusebenza okanye inxenye yazo: R520 ngeyure okanye inxenye yayo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Yenza isicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


