
Isicelo sokutshintshela ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iilayisensi zabaqhubi ezikhutshwe kwamanye amazwe kwaye ezamkelweyo eMzantsi Afrika ziya kuguqulelwa kwiilayisensi zabaqhubi eziluhlobo lwekhadi lekhredithi xa abantu abanezi layisensi befuneka befumene iilayisensi zaseMzantsi Afrika ngokoMthetho weLizwe weZithuthi zeNdlela .

Isicelo sokutshintshela imvumelo yomqhubi yamazwe ngamazwe kufanele sikhatshwe yilayisensi yomqhubi esegunyeni, eyakhutshelwa yona le mvumelo.

Ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle okanye iMvumelo yoMqhubi yaMazwe ngaMazwe ingatshintshelwa kwilayisensi yaseMzantsi Afrika kuphela akube umenzi-sicelo engummi waseMzantsi Afrika, okanye akube efumene imvume yokuhlala isigxina kweli lizwe .

Ilayisensi yomqhubi yelizwe langaphandle kufuneka ibe isemthethweni ngomhla wokutshintshela kwaye kufuneka ibekwelinye leelwimi ezigunyazisiweyo zaseMzantsi Afrika. Ukuba akunjalo, isicelo masikhatshwe yinguqulelo ekhutshwe ngugunyaziwe onelungelo noxanduva lokwenza njalo.

Xa umntu onelayisensi yokuqhuba yelizwe langaphandle ephinda eqalisa ukubangumhlali osisigxina, okanye efumana imvume yokuhlala isigxina eMzantsi Afrika, ilayisensi yelizwe langaphandle iya kuphelelwa ukuba semthethweni kunyaka omnye ukusukela kumhla loo mntu athabathe ngawo okanye aphinde waqalisa ngawo ukuhlala isigxina.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi-DL1 kulo naliphi na iziko lokuvavanyela iilayisensi zabaqhubi.
Yiza nalamaxwebhu alandelayo:

khupha incwadi eyamkelekileyo yokuzazisa njengoko kumiselwe ngumthetho waseMzantsi Afrika , i-ID yexeshana, ipaspoti esemthethweni yaseMzantsi Afrika, okanye ipaspoti yelizwe langaphandle ehamba nemvumelo yokuhlala isigxina).
hambisa incwadi ephuma kugunyaziwe onelungelo noxanduva lokukhupha loo ncwadi, engqina ukuba semthethweni kwelayisensi yakho yokuqhuba yelizwe langaphandle, futhi echaza udidi lwelayisensi 
hambisa ilayisensi yakho yokuqhuba yelizwe langaphandle
hambisa iifoto ezine ze-ID, zombala omnyama nomhlophe.

Hlawula imali ebandakanyekayo njengoko imiselwe ngumthetho waseMzantsi Afrika.
Uya kuhlolwa amehlo kweli ziko phambi kokuba kugqitywe ukutshintshelwa.

Qaphela: Awuyikungenela zimviwo zelayisensi yomqhubi. Ilayisensi yomqhubi yexeshana isemthethweni iinyanga ezintandathu kwaye ikhutshwa kwangoko, ngaphandle kwendleko.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolosuku ube sele unikwa usuku lovavanyo.

Entla

Iindleko

