﻿
Isicelo esiya kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo sokuba iqulunqe ukuba ingaba ishishini lomqeshi lilonke, okanye inxenye yalo, liyinkonzo yokuxhasa nokugcina indawo ethile yokusebenza, ifektri okanye oomatshini, ingatshabalali na    





Inkcazelo



Umqeshi angenza isicelo ngencwadi ebhaliweyo kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo sokuba iqulunqe ukuba ingaba ishishini lomqeshi lilonke, okanye inxenye yalo, liyinkonzo yokuxhasa nokugcina indawo ethile yokusebenza, ifektri, okanye oomatshini, ingatshabalali na.



Inkonzo iyinkonzo yokuxhasa nokulondoloza ukubangaba ukuphazamiseka kwaloo nkonzo kungadala ukutshabalala okunembonakalo nokubambekayo kuyo nayiphi na indawo yokusebenza, ifektri okanye oomatshini.

Nabaphi na abanye ababandakanyeki abanomnqweno, bangathumela impendulo kwiNkonzo eyiMfuneko eNgundoqo, kwisithuba seentsuku ezingama- 21 befumene esi sicelo.





Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiSebe lezaBasebenzi 

Inkqubo emayilandelwe 


Yenza isicelo kwiNkonzo eyiMfuneko eNgundoqo yeKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo kunye noMiselo-Sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation Mediation and Arbitration 
Zalisa ifom 4.3 ye-LRA uze uyithumele kwiKomiti yeeNkonzo eziyiMfuneko eNgundoqo  kwi-CCMA
Ikopi yale fom kufuneka ithunyelwe komnye umbandakanyeki kwaye kufuneka kunikwe ubungqina bokuba ikopi yale fom isiwe komnye umbandakanyeki, ngokufaka ezi zinto zilandelayo:
Makufakwe ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini.
Makufakwe ikopi yerisiti esayiniweyo ukubangaba ikopi isiwe ngesandla.
Ingxelo esayiniweyo engqina ukuhanjiswa kwekopi ngulo mntu uhambise ifom kufuneka ihambe nesicelo.
Makufakwe ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi okanye nabuphi na obunye ubungqina obanelisayo.


Imithetho esetyenziswayo

Labour Relations Act, 1995 , Section 75 UmThetho woBudlelwane bezaBasebenzi



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 

Akukho xesha libekiweyo; kuxhomekeka kumbandakanyeki owenza isicelo seenkonzo eziyimfuneko engundoqo.



Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezizaliswayo 

Umqeshi wenza isicelo kwi-CCMA sokuqulunqwa kwenkonzo yokuxhasa nokugcina indawo ethile yokusebenza, ifektri okanye oomatshini: kwiFom LRA 4.3  Form LRA 4.3 





Iinkcukacha zonxulumano



