﻿
Ukucela ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo iqhube uphando lokuqonda ukuba ingaba inkonzo ethile iyonke okanye inxenye yayo, iyinkonzo eyimfuneko engundoqo na    




Inkcazelo






Xa kuthethwa ngenkonzo eyimfuneko engundoqo  kubhekiswa kwinkonzo, eyakuthi, xangaba iphazamisekile, yenze ingozi okanye idale umonakalo kubomi okanye kwimpilo yabantu.

Ngexesha lamanyathelo ogwayimbo, naliphina iqela elibandakanyeka kwimbambano malunga nokuba ngowuphi umbandela kule ilandelayo, lingathumela le mbambano ngencwadi ebhaliweyo kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo :

ingaba inkonzo iyinkonzo eyimfuneko engundoqo na okanye hayi;
ingaba umqeshwa okanye umqashi ubandakanyeka kwinkonzo echongwe nejngenkonzo eyimfuneko engundoqo na okanye hayi.

Iqela elithumela le mbambano kwikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo kufuneka libonise ubungqina kwikomiti bokuba ikopi yesicelo sokuthumela imbambano ithunyelwe kuwo onke amanye amaqela abandakanyeka kwimbambano. Ikomiti yeenkonzo eziyimfuneko engundoqo kufuneka yenze isigqibo ngale mbambano kwamsinyane kangangoko inako.

Iinkonzo zePalamente, iNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika kunye nenkonzo yezeMpilo, ziinkonzo eziyimfuneko engundoqo.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi. 

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi-LRA4.2, Referring disputes for determination as an essential service .
Faka ikopi yesatifiketi sangoku soqinisekiso lokuvunywa kwifom yesicelo.
Thumela ikopi yale fom kwelinye iqela elibandakanyeka kwimbambano.
Nika ubungqina bokuba ikopi yale fom isiwe kwelinye iqela eli libandakanyeka kwimbambano, ngokufaka:
Ikopi yesiliphu serejista esiphuma ePosini; okanye
Ikopi yerisiti esayiniweyo ukubangaba ikopi isiwe ngesandla; okanye
Ingxelo esayiniweyo yalo mntu uhambise ikopi yefom; okanye
Ikopi yesiliphu esingqinayo sefeksi okanye nabuphina obunye ubungqina obanelisayo benkonzo.





Thumela ifom egcwalisiweyo kwiKomiti yeeNkonzo eziyiMfuneko eNgundoqo , eyakwamkeleka kwiKomishoni yoXolelwaniso, uLamlo kunye noMiselo-Sigqibo, ekuthiwa yi-Commission for Conciliation Mediation and Arbitration . 



Umthetho osetyenziswayo




Labour Relations Act, 1995 , Section 70 UMthetho woBudlelwane beZabasebenzi

Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo


Iyakuxhomekeka kumaqela abhengeza iinkonzo njengeenkonzo eziyimfuneko engundoqo.

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa

Iifom ezigcwaliswayo



Referring disputes for determination as an essential service, Form LRA4.2

Iinkcukacha zonxulumano






