

Isicelo somsebenzi kwiNkonzo yoLuntu

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Izithuba zemisebenzi kumasebe elizwe nawamaphondo zigcwaliswa ngokuphakula kubasebenzi asele beqeshiwe kula masebe okanye ngokumema izicelo kwabo bangaqeshwanga kwiNkonzo yoLuntu. Izithuba eziphezulu kwimaneyijimenti ephezulu, oko kukuthi kwinkonzo yemaneyijimenti ephezulu , kufuneka zikhutshwe kwizibhengezo zokwazisa  elizweni zilungiselele ukufumana abenzi-zicelo ngaphakathi nangaphandle kweNkonzo yoLuntu.

Ngokungumgaqo, izithuba zaziswa ngesibhengezo  kwiNcwadi yokuPapasha iZithuba zeNkonzo yoLuntu  equlungqwa kwaye ikhutshwe ngeveki liSebe leNkonzo yoLuntu noLawulo, ekuthiwa yi-Department of Public Service and Administration . Ukubanga izimemo zigqithiselwa kubantu abangaqeshwanga kwiNkonzo yoLuntu, isebe elibandakanyekayo lelizwe okanye lephondo liyaku-advethayiza ezo zithuba kumaphephandaba.

INcwadi yokuPapasha iZithuba zeNkonzo yoLuntu , yazisa abasebenzi boluntu ngezithuba ezingaphakathi kwiNkonzo yoLuntu. Abantu abangengobasebenzi benkonzo yoLuntu, kodwa benomdla kwizithuba ezibhengeziweyo , kufanele baqale baqonde kwisebe elikhuphe ezo zibhengezo zokwazisa ukuba bangazenza na izicelo. Iinkcukacha zonxulumano nesebe elikhuphe izibhengezo zokwazisa ngezithuba ziyanikwa kwiNcwadi yokuPapasha 

Amanye amasebe, afana nesebe loMkhosi woKhuselo, angakucela ungenele uxilongo lonyango phambi kokuba aqwalasele isicelo sakho.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi-website yeSebe leNkonzo yoLuntu noLawulo

Top

Inkqubo emayilandelwe

Khupha kwi-website ye-DPSA kwaye ugcwalise ifom ebizwa ngokuba yi-Form Z83, Application for Employment. Le fom ungayifumana nakulo naliphina isebe lelizwe okanye lephondo

Faka i-curriculum vitae  kunye neekopi eziqinisekisiweyo zeekhwalifikheyshini zakho.

Hambisa ifom kwelo sebe linesithuba somsebenzi.

Usengafumana incwadi echaza ukuba isicelo sakho sifumanekile, kuxhomekeke kwindlela eliqhuba ngayo elo sebe libandakanyekayo


Top

Umthetho osetyenziswayo

Labour Relations Act, 1995  (UMthetho woBudlelwane beZabasebenzi

Employment Equity Act, 1998 

Public Service Act, 1994  UMthetho weNkonzo yoLuntu

Defence Act, 1995  

South African Police Act, 1997  

Employment of Educators Act, 1998  

Correctional Services Act, 1998 (Act 111 of 1998 (UMthetho weeNkonzo zoLuleko




Top

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokumema izicelo nokuqasha yahluka ngokwamasebe, kwaye ingagqitywa kwelona thuba lifutshane kangangoko kunokwenzeka.

Top

Iindleko

Ifom yesicelo ayihlawulelwa.

Top

Iifom ezigcwaliswayo

Application for Employment in the Public Service 

Top

Iinkcukacha zonxulumano


