

Isicelo sokunxibelelana ne-SARS ngobuxhakaxhaka boomatshini

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo ivumela umntu, iziko okanye umbutho ukuba useke inkqubo yokunxibelelana ne-South African Revenue Service  ngobuxhakaxhaka bomatshini ngokonxibelelwano lobuchwepheshe obuchaziweyo. INkqubo eNtsha yeRhafu yeNgeniso-mali iqingqelwe ukunciphisa imveliso yeencwadi ngezandla nangokwamaphepha aphathekayo, kunye nokufaka uninzi lweenkqubo ezisetyenzwa ngezandla kubuxhakaxhaka bomatshini, kwaye kwangaxeshanye kuqinisekiswe ukuba abarhafi baphathwa ngokulinganayo. Kuveliswe iinkqubo ezahlukeneyo zokunxibelelana ngobuxhakaxhaka bomatshini.

I-Interface User Guide  ifumaneka kwi-SARS Online kwaye ijoliswe ekubeni iphendule uninzi lwemibuzo nezicelo zengcaciso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Bhalisela ukubangugxa wonxibelelwano ngobuxhakaxhaka bomatshini ngokugcwalisa nokuthumela ifom yobhaliso yobuxhakaxhaka bomatshini, enenombolo ethi INF001 kwi: SARS Interface Administration, P.O. Box 402, Pretoria 0001 okanye nge e-mail kwi-adresi ethi: its.interfaces@sars.gov.za. Izicelo zokongezelwa ixesha lokubuyisa iifom zerhafu yengeniso-mali zingenziwa ngokomatshini ngaphandle kwemfuneko yokubhalisa.
Gcina ezi nkcukacha zilandelayo zinikwe yi-SARS emva kobhaliso:

igama lokungena eliyimfihlo ukuze ufikelele kubuxhakaxhaka be-SARS
uphawu lokwazisa inkqubo elinikwe umbutho yi-SARS
uphawu lokwazisa umsebenzisi kunye negama eliyimfihlo lokungena kwifayili yomatshini ye-SARS apho kuyakukhutshelwa khona ifayili yenkcazelo
i-adresi yonxibelelwano lobuxhakaxhaka okanye iinombolo zokucofa, kwimeko yoNxibelelwano olusebenzisa iMfonomfono ekuthiwa yi-Public Switched Telephone Network  kunye nonxibelelwano nge-Integrated Services Digital Network .

Fumana iinkqubo ezifakwa kwikhompiyutha zokutshintshela inkcazelo kwiimpawu ezithile  kunye nemigaqo yokufaka inkqubo esuka kwi-SARS. Ngokwesiqhelo i-SARS iyazizisa kulo mbutho ezi nkqubo zifakwa kwikhompiyutha.
Faka inkqubo engena kwikhompiyutha yokutshintshela inkcazelo kwiimpawu ezithile.
Thumela iifayili zovavanyo lwenkcazelo kwi-SARS, kwaye ukhuphe iifayili zempendulo yovavanyo kwi-SARS.
Vuma ukuba uzamkele iifayili zovavanyo lwenkcazelo kuMlawuli woBuxhakaxhaka booMatshini be SARS kwaye usebenzise unxibelelwano lobuxhakaxhaka bomatshini ngokuthumela iifayile zenkcazelo yokwenyani.
Nxulumana noMlawuli woBuxhakaxhaka boomatshini be-SARS xa kuthe kwakho iifayile zenkcazelo ezonakalisekileyo, iifayili zenkcazelo ezilahlekileyo okanye iifayili zenkcazelo eziphindaphindeneyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

I-SARS ifake imigangatho yokunika iinkonzo eyakungeniswa ngokwezigaba kwisithuba seminyaka emibini . Xa ubhalisa okanye uhlawula, i-SARS ijolisa ekubeni iqhubekise ubhaliso lwakho ngokuchanekileyo kwisithuba seentsuku zokusebenza ezili 10.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for SARS Electronic Interface, INF001 
Request for Additional SARS Electronic Interface, INF002 
Change of Particulars for SARS Electronic Interface, INF003 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


