﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho

IZIQINISEKISO, AMAPHEPHA-MVUME & NEZIQINISEKISO ZOQEQESHO

Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.


Amacwecwe Okupaka Abaqhubi Abakhubazekileyo
Ukuba ukhubazekile, ungasifaka isicelo secwecwe lokupaka labaqhubi abakhubazekileyo kumaspala wakho. Eli cwecwe ke likuvumela ukuba upake kwiindawo zokupaka ezibekelwe bucala abaqhubi abakhubazekileyo yaye liyakukhupha wena kwimiqathango ethile yokupaka ngamaxesha athile. &nbsp;&gt;&nbsp;


Amaphepha-mvume Ezithuthi Ezithwala Imithwalo Enobungozi Nezinye Izithuthi
Kufumeneka iphepha-mvume lesithuthi esithwala imithwalo enobungozi nezinye izithuthi. Imfuneko yamaphepha-mvume ixhomekeke kubukhulu nakubunjani bomthwalo lowo okanye isithuthi eso. &nbsp;&gt;&nbsp;


Amaphepha-mvume Okuqhuba
Umthetho umisela ukuba kufuneka imana ukuhlaziywa qho ngonyaka iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho. Ngumsebenzi wakho wena njengomnini-sithuthi, kukuqinisekisa ukuba liyahlaziywa iphepha-mvume lakho lokuqhuba ngaphambi kokuba liphelelwe. Ukuba ngaba alihlaziywanga kuya kufuneka wohlwayiwe. &nbsp;&gt;&nbsp;


Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi
Bonke abaqhubi boMzantsi Afrika kufuneka babe namaphepha-mvume okuqhuba izithuthi akhangeleka njengecredit card. Eli phepha-mvume linikezelwa ngoko nangoko emva kokuba umqhubi ephumelele izifundo zokuqhuba. &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinkcenkce Ezizodwa Zeenombolo-mibhalo Zeenqwelo-mafutha
Abanini-zimoto bangafaka isicelo xa befuna amaphepha-mvume eenombolo-mbhalo abazithandayo. &nbsp;&gt;&nbsp;


IiNkcukacha Zokubhaliswa Kwezithuthi
Ukuba ufuna iinkcukacha ezimalunga nobhaliso lwezithuthi kufuneka udibane neziko lobhaliso lwezithuthi. Iingcombolo zesithuthi azinakukhutshwa kodwa zonke ezinye iinkcuckacha zingaqinisekiswa. &nbsp;&gt;&nbsp;


ISicelo Sokubhala Iimviwo Zephepha-mvume Lokufunda Ukuqhuba
Ngaphambi kokuba kwenziwe isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, kufuneka ube iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba. Ulifumana eli phepha-mvume xa ufundela ukuqhuba isithuthuthu esibukhulu bungaphezulu kwe-125 CCs, inqwelo-mafutha, iminibus, isithuthi esincinci esithutha iimpahla, okanye isithuthi esikhulu xa ungaphezulu kwe-17 leminyaka ubudala. Ungalifumana iphepha-mvume lokufundela ukuqhuba izithuthu ezibukhulu bungange-50 CC ukuya ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Izicelo Ezimalunga Nokusetyenziswa Kweendlela Zikawonkewonke
Uluntu lungafaka izicelo zokusebenzisa indlela zikawonkewonke ekwenzeni imicimbi yalo ofana nemidlalo. &nbsp;&gt;&nbsp;


Izicelo Zamaphepha-mvume Okusebenza Ngokuthutha Uluntu
Ngaphambo kokuba uthuthe abantu usenzela ukufumana inzuzo, kufuneka ube nalo iphepha-mvume lokuthutha uluntu. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZicelo zeNombolo Yokuthengisa iiMoto
Abavelisi/abayili, abakhi nabo bazisa izithuthi kweli lizwe bangaziqhuba iimoto ezingabhaliswanga beziqhuba ngenombolo yokuthengisa izithuthi. Oku kuvumeleke kuphela ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Izicelo Zokufumana Iphepha-mvume Lokuqhuba Ngobuchule
Ukuqhuba iindidi ezithile zezithuthi kufuneka umntu abe nephepha-mvume elisemthethweni Lokuqhuba Ngobuchule ngaphezu kwaleyo anayo yokuqhuba. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya
Uluntu lungazifaka izicelo zokwenza imibniso-bhanyabhanya ezindleleni zikawonkewonke. Ukuvunywa kwesicelo kuya kuxhomekeka ekubeni indlela leyo iphantsi komaspala okanye kwephondo na. Ungadibana neKomishini iCape Film okanye ii-ofisi zeZibonelelo zeNdlela zePhondo ukuze kubonwe ukuba ngaba indlela leyo iphantsi komaspala okanye phantsi kwephondo kusini na. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZicelo Zokuvula Amashishini Okufundisa Ukuqhuba Izithuthi
Bonke abantu abafundisa ukuqhuba kufuneka babhalise. Ukufumana iphepha-mvume lokufundisa ukuqhuba, kufuneka kuthi kwakuphandwa kufunyaniswe ukuba awuzange wabandakanyeka kulwaphulo-mthetho, ufumane nencwadi kagqirha ngobume bempilo yakho, ze uluphumelele novavanyo lomntu ofundisa ukuqhuba. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZiqinisekiso ze-Weighbridge
Ngaphambi kokuba ubhalise isithuthi ebesikhe safakelwa izinto, kufuneka ufumane isiqinisekiso se-Weighbridge. &nbsp;&gt;&nbsp;


IZiqinisekiso Zokususwa Kwamakhwiniba Kwizithuthi
Ukuba ngaba inombolo yenjini yakho okanye yomzimba wesithuthi itshintshiwe, kufuneka ufumane isiqinisekiso esinika ubungqina bokuba akukho khwiniba ngaphambi kokuba usibhalise isithuthi sakho. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa Kwabavelisi, Abathumeli-mpahla kweli Nabenzi beziThuthi
Sonke isithuthi ezenziwe apha eMzantsi Afrika okanye eso senziwe kwelinye ilzwe ze sathunyelwa kweli kufuneka sibhaliswe ngaphambi kokuba sithunyelwe kwindawo yentengiso okanye sithengiswe. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa Kwabenzi Beepleyiti Zeenombolo-mbhalo Zezithuthi
Nokomethetho oyiNational Road Traffic Act, nawuphi na umntu ovelisa okanye othengisa iipleyiti zeenombolo-mbhalo zezithuthi kufuneka abe ubhalisiwe. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa KweeNqwelo-mafutha Kumaziko Ovavanyo Lwezithuthi
Zonke izikhululo zokuhlola izithuthi kufuneka zibhaliswe zibekwe ngokomgangatho ngaphambi kokuba zifumane iziqinisekiso ezifanelekileyo zokuba zikulungele ukuba sendleleni. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa Kwesithuthi
Bonke abanini-zithuthi kufuneka babhalise izithuthi zabo njengoko kumiselweyo ngokusemthethweni. Ukubhaliswa kwesithuthi kuye kugcinwe kwi-National Traffic Information System (NaTIS). &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukubhaliswa kweZiko Elivavanyela Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi
Ukuba ngaba ufuna ukuvula iziko eliza kujongana nokuhlola abantu abasafuna amaphepha-mvume okuqhuba, kufuneka ubhalise kuMphathiswa weZothutho. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuhlola Isithuthi Ukuba Sikulungele Na Ukuba Sendleleni
Isiqinisekiso sokulungela indlela kwesithuthi singafumaneka kuso nasiphi na isikhululo sokuvavanywa kwezithuthi sabucala okanye saseburhulumenteni. &nbsp;&gt;&nbsp;


UMhloli Wesithuthi Nowobhaliso Lwamaphepha-mvume Okuqhuba Iinqwelo-mafutha
Abahloli beelayisenisi, abavavanyi bezithuthi, abahloli bamaphepha-mvume okuqhuba, amagosa endlela nabaphathi kufuneka babhaliswe. &nbsp;&gt;&nbsp;



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





