






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > Amaphepha-mvume Okuqhuba

Amaphepha-mvume Okuqhuba




INKCAZELO:

Umthetho umisela ukuba kufuneka imana ukuhlaziywa qho ngonyaka iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho. Ngumsebenzi wakho wena njengomnini-sithuthi, kukuqinisekisa ukuba liyahlaziywa iphepha-mvume lakho lokuqhuba ngaphambi kokuba liphelelwe. Ukuba ngaba alihlaziywanga kuya kufuneka wohlwayiwe.Unikwa ixeshana ezlingangeentsuku ezingama-21 emva kokuba sele liphelile ixesha lokuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba apho uye uhlawule intlawulo eqhelekileyo yephepha-mvume lokuqhuba isithuthi kungafakwa sohlwayo.


IMIYALELO:

Ukusenzela iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho, , kufuneka uthumele iphetshana lesicelo elingu-ALV kwiziko elibhalisa izithuthi, uphathe kunye nesazisi sakho, imali engummiselo ekhutshwayo kunye neyazo naziphi na izohlwayo kwanemali esisemva ngayo isithuthi eso.

Kungenjalo, ungeza naso nesaziso sokuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba (iphetshana lesicelo u-MVL2) ukuba unayo. Ezi zaziso zithunyelwa ngeposi qho ngenyanga kubo bonke abanini-zimoto esele lisondele ixesha lokuba lihlaziywe kwakhona iphepha-mvume lokuqhuba.
Ukufumana enye ingcaciso, tsalela uMichael Gallant Kwicandelo lezoLawulo lobhaliso lwezithuthi kule nombolo 021  483 2058 okanye udibane neziko lobhaliso lwezithuthi elikufuphi nawe.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Amaziko Okuvavanya Iinqwelo-mafutha


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Imali ehlawulelwa ilayisenisi ixhomekeke kubunzima besithuthi.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 28 uMatshi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





