






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > Izicelo Zokufumana Iphepha-mvume Lokuqhuba Ngobuchule

Izicelo Zokufumana Iphepha-mvume Lokuqhuba Ngobuchule




INKCAZELO:

Ukuqhuba iindidi ezithile zezithuthi kufuneka umntu abe nephepha-mvume elisemthethweni Lokuqhuba Ngobuchule ngaphezu kwaleyo anayo yokuqhuba.

Eli phepha-mvume lolu hlobo lifuneka xa uqhuba:
* isithuthi esithwala iimpahla, ezinobunzima obungaphezu kwama- 3 500 kg
* isithuthi esitsala esinye ezaphukileyo
* ibhasi
* iminibus enobunzima obungadlulanga kuma-3 500 kg esenzelwe ukuthwala abantu abali- 12 nangaphezulu, kubandakanywa nomqhubi
* isithuthi esisetyenziswa ekuthutheni abantu ukuze sihlawulwe
* isithuthi esithwala iimpahla ezinobungozi, esinobunzima obungaphezulu kwama-3 500 kg
* isithuthi esihamba endleleni esiyi-tank yokuthwala izinto ezilulwelo oluvuthayo olune -petroleum
* isithuthi esithwala abantu abali-12 okanye ngaphezulu kuqukwa nomqhubi.


Akukho phepha-mvume lakuqhuba ngobuchule lifunekayo ekuqhubeni isithuthi sokungcwaba okanye iteletele.

Kuya kufuneka ube nale pemethi kuphela xa:
* sele unephepha-mvume lokuqhuba elisemthethweni elilungele eso sithuthi sichaphazelekayo
* ungaphezulu kweminyaka emiselweyo (oku kuxhomekeke kudidi kwesithuthi ekubhekiselelwa kulo)
* kukho ubungqina bukagqirha obuchaza ukuba usempilweni efanelekileyo
* kunikwe ubungqina obunikwe liqumrhu eliqeqeshayo (obufuneka kuphela kwizithuthi ezithile)
* awuzange wakha wafunyaniswa uqhuba kakubi, okanye uqhuba ukungakhathali okanye awuzange ukhe wafunyaniswa unetyala lobundlobongela
* alizange khe larhoxiswa iphepha-mvume lakho lokuqhuba.


Iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule lingarhoxiswa okanye licinywe xa uthe wafunyaniswa ukuba awukulungelanga ukuqhuba ngokwezonyango okanye xa uthe wafunyaniswa uqhuba kakubi okanye uqhuba ngokungakhathali, okanye ukuba wakha wafunyaniswa unetyala lobundlobongela.
Umqhubi okanye umnini-sithuthi elithe lafuneka iphepha-mvume lakhe lokuqhuba akavumelekanga ukuba alinike omnye umntu alisebenzise endleleni kawonkewonke, ngaphandle kokuba loo mntu naye unalo elakhe elikwanjalo futhi kwinqanaba elifanayo.


IMIYALELO:

Usenza kwiziko elisebenza ngamaphepha-mvume okuqhuba isicelo sokufumana iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule. Kufuneka wenze oku:
* uzalise iphetshana lesicelo elingu-PD1
* uhlawule imali engummiselo ekhutshwayo
* uze nesazisi sakho
* uze nemifanekiso yakho emibini
* uze nephepha-mvume lakho lokuqhuba
* uze nesiqinisekiso sakho soqeqesho (ukuba sikho)
* uze nesiqinisekiso sikagqirha
* uze nalo naliphi na elinye iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule okanye lokuqhuba isithuthi sikawonkewonke osele unalo.

Sakuba sesenziwe isicelo, kuya kunyatheliswa iminwe kwanephepha-mvume lakho lokuqhuba elilikhadi elibonakalisa iphepha-mvume lokuqhuba ngobuchule.
Uya kwaziswa lakuba ikhadi lakho sele lilungile uye kuliphuthuma. Kufuneka ube besazisi xa uye kuthatha ikhadi lakho. Naliphi na ikhadi elingaphuthunywanga kwisithuba seentsuku ezingama-120 liya kutshatyalaliswa.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Amaziko Okuvavanyela Amaphepha-mvume Okuqhuba Iinqwelo-mafutha


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Izicelo Zamaphepha-mvume Okusebenza Ngokuthutha Uluntu (IiNkonzo)
* Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)
* Amaphepha-mvume Okuqhuba (IiNkonzo)
* Umthwalo Ongaqhelekanga: Iphepha Lokufaka Isicelo Sephepha-mvume Lokusebenzisa Isithuthi (IFomu) (File type: pdf; size: 58 KB)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uFebruwari 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





