






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > ISicelo Sokubhala Iimviwo Zephepha-mvume Lokufunda Ukuqhuba

ISicelo Sokubhala Iimviwo Zephepha-mvume Lokufunda Ukuqhuba




INKCAZELO:

Ngaphambi kokuba kwenziwe isicelo sephepha-mvume lokuqhuba, kufuneka ube iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba. Ulifumana eli phepha-mvume xa ufundela ukuqhuba isithuthuthu esibukhulu bungaphezulu kwe-125 CCs, inqwelo-mafutha, iminibus, isithuthi esincinci esithutha iimpahla, okanye isithuthi esikhulu xa ungaphezulu kwe-17 leminyaka ubudala. Ungalifumana iphepha-mvume lokufundela ukuqhuba izithuthu ezibukhulu bungange-50 CC ukuya kwi-125 CC xa uneminyaka eli-16 eli-16 nangaphezulu ubudala.Wakuba ulifumene iphepha-mvume lokufundela ukuqhuba, ungasiqhuba eso sithuthi sibhalwe kuloi Kodwa ke kufuneka umqhubi osele enalo iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi ahambe kunye nalowo ungekabinalo ngalo lonke ixesha, (ngaphandle kwasezithuthuthwini). Umntu ofunda ukuqhuba isithuthuthu akavumelekanga ukuthwala omnye umntu esithuthuthwini.


IMIYALELO:

Ukwenza isicelo sokufunda ukuqhuba, kufuneka uugcwalise iphetshana lesicelo elingu-LL1 kwiziko elikufuphi nawe elihlola abaqhubi abatsha. Kufuneka uye neefoto ezimbini, zibe nombala okanye zingabi nawo, uveze neSazisi sakho uze uhlawule imali efunekayo. Kufuneka ube uneminyaka engaphezulu kweshumi elinesixhenxe ubudala.

Ngaphambi kokuba uvavanyelwe ukuqhuba kufuneka ube uluphumelele uvavanyo olukukhangela ukuba uyayazi na imiqondiso yendlela, iimpawu ezilawula iimoto ezindleleni, iindawo zokuqhuba ezilawula imoto ezingaphakathi. Kufuneka ube uye wahlolwa namehlo.

Izixhobo zokufunda ezikunceda ekubeni ufundise umfundi-kuqhuba alungele ukuvavanywa ziyafumaneka ezivenkileni.
Iphepha-mvume lomntu ofunda ukuqhuba lisebenza iinyanga ezili-18.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Amaziko Okuvavanyela Amaphepha-mvume Okuqhuba Iinqwelo-mafutha


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Kufuneka uhlawule ama-R60 xa usenza idinga lokuya kubhala uvavanyo lokufumana iphepha-mvume lofunda ukuqhuba ze ibe ngama-R30 wakuba uluphumelele uvavanyo olo.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Form LL1: Application for Learner's Licence (IFomu) (File type: pdf; size: 56 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Amaphepha-mvume Okuqhuba Izithuthi (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





