﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubomi & Nosapho > Umtshato/Ukwaphulwa Komtshato > Ukufumana Imvume Yokuba Utshate Xa Ungaphantsi Kobudala Obuvumelekileyo

Ukufumana Imvume Yokuba Utshate Xa Ungaphantsi Kobudala Obuvumelekileyo




INKCAZELO:

Amakhwenkwe angaphantsi kwe-18 leminyaka ubudala kunye namantombazana angaphantsi kwe-15 ubudala abanakutshata ngaphandle kwemvume yabucala yaye nabani na ongaphantsi kwama-21eminyaka ubudala unokufumana imvume yabazali bakhe phambi kokuba abe uyatshata.

Umtshato owenziwe ngaphandle kwemvume efunekayo unokwenziwa ungasebenzi. Oku kuthetha ukuba unokuthathwa njengongazange ubekho yiNkundla Ephakamileyo.

Abazali okanye umntu ojonge omnye wabatshatayo unokufaka isicelo kwiNkundla Ephakamileyo esithi umtshato lo mawuthathwe njengongekhoyo. Esi sicelo kufuneka senziwe:
* Phambi kokuba umntwana lowo abe nama-21 eminyaka ubudala
* Kwiiveki ezintandathu zokuqala evile ngobukho balo mtshato.


Umntwana naye unokufaka isicelo kule nkundla esithi umtshato mawuthathwe njengongasebenziyo nanini na phambi kokuba abe unama-21 eminyaka ubudala, okanye kwiinyanga ezintathu zokuqala emva kokuba ebe nama-21 eminyaka ubudala.

IMVUME YABAZALI KUBANTWANA (NABANI NA ONGAPHANTSI KWAMA-21 UBUDALA)

Kwimeko apho bobabini abazali besaphila yaye akukho unikwe igunya lokugcina nokukhulisa umntwana yedwa, bobabini abazali kufuneka bawuvumele lo mtshato, ngokubhala phantsi, kwiphetshana lesicelo u-BI-32.

Ukuba umntwana lo ngozalwe ngaphandle komtshato, yimvume ebhalwe phantsi esuka kunina kuphela efunekayo, kwiphetshana lesicelo u-BI-32.

Ukuba omnye wabazali unikwe igunya lokugcina nokukhulisa umntwana yedwa, yimvume ebhalwe phantsi yaloo mzali kuphela efunekayo, kwiphetshana lesicelo u-BI-32.

Ukuba umntwana uphantsi kwenkathalo yomzali onikwe igunya lokumgcina nokumkhulisa ngumthetho, yimvume ebhalwe phantsi yaloo mzali kuphela efunekayo(ku-BI-32).

Ukuba umzali omvume ifuneka ngokwasemthethweni akafumaneki ukuza kunika imvume leyo, okanye umthetho awumboni enakho ukukwenza oko, ungafaka isicelo kumkomishinala wentlalo-ntle yabantwana ukuba awuvumele lo mtshato.

Xa abazali bomntwana no-/okanye umkomishinala wentlalo-ntle yabantwana bayala ukunikezela ngemvume, umntwana lowo unokufaka isicelo kwiJaji yeNkundla Ephakamileyo ukuba inikezele ngemvume. Ijaji le ayinakho ukunikezela ngemvume ngaphandle kokuba kukho ubungqina obaneleyo bokuba umtshato lo ujongene neemfuno zomntwana futhi akanikwanga mvume kungekho zizathu zibambekayo.

IMVUME YABUCALA KUMAKHWENKWE ANGAPHANTSI KWE-18 NAMANTOMBAZANA ANGAPHANTSI KWE-15 LEMINYAKA UBUDALA

Amakhwenkwe angaphantsi kwe-18 namantombazana angaphantsi kwe-15 leminyaka ubudala bafumana imvume yabazali babo ebhalwe phantsi ukuze batshate, ngendlela enye nabanye abantwana abangeqondweni lakutshata. Kusafuneka futhi befumene imvume yoMphathiswa Wemicimbi yezeKhaya.
Usenokusifaka isicelo kuMphathiswa Wemicimbi yezeKhaya ukuba athathe umtshato osele wenzekile njengokhoyo nosebenzayo. Unako futhi nokufaka isicelo kuMphatthiswa Wemicimbi yezeKhaya ngaphandle kwemvume efunekayo.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufaka Isicelo Sesiqinisekiso Somtshato (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uDisemba 2003



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





