﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Imveku & Nomntwana > Uvavanyo Nokuqwalaselwa Kokukhula Kwabantwana

Uvavanyo Nokuqwalaselwa Kokukhula Kwabantwana




INKCAZELO:

Oomama/abagcini babantwana bayacetyiswa ukuba base iintsana zabo ezisandul' ukuzalwa kwiikliniki zononophelo lwesigaba sokuqala ukuze ziye kuhlolwa njengesiqhelo.


* Ukuphuhla
* Ukukhula


UKUPHUHLA


ukuhlolwa kokuphuhla komntwana kwenziwa njengento yesiqhelo ngamaxesha okutyelelwa kweklinikhi ukuza kugonywa. Ukuhlolelwa ukukhubazeka okubonakala ngokuphujla komntwana kuvela amatyeli amathathu, xa umntwana:

* ephakathi kokuzalwa neeveki ezintandathu ezelwe
* eneenyanga ezilithoba ezelwe
* ebudala buziinyanga ezilishumi elinesibhozo.


Usana luye luhlolwe luze luqwalaselwe ngokwasemzimbeni. Olu lokuhlolwa lunceda ekuqwalaseleni ukukhula ngokomzimba nangokwengqondo. Iimvavanyo zisetyenziselwa ukujonga ukuba usana lukhula ngokufanelekileyo na ngokuhambelana nobudala balo, ze ziqwalasele imigama esele ihanjiwe ngokwasekukhuleni efana nokuhlala, ukuma, ukukhasa, ukuhamba, ukuthetha nokuphatha izinto. Kukwaqwalaselwa nokubona kwanokuva kosana.

Ukuba kukho ingxaki, usana luye luthunyelwe kwikliniki yeengcali okanye kumachule ukunceda nokunika iingcebiso, umzekelo, iingcali zempilo yengqondo neyomzimba xa zifumaneka, ngokuxhomekeka kwingxaki leyo neemfunno zomntwana lowo.

Iziphumo zovavanyo lokuqwalasela ziye zishicilelwe kwikhadi lasekliniki nakwitshathi yokukhula kosana, ezithi zombini zigcinwe ekliniki. Ubunzima bosana nabo buyashicilelwa kwiTshati ebizwa ngokuba yiTshathi yeNdlela esingisa eMpilweni, nethi inikezelwe kumama lusakuba luzelwe usana lwakhe, ze yena ayigcine. Eli khadi lushicilelo oluqhubekayo nolungenkqubela yosana yaye oomama kufuneka bawaphathe rhoqo kutyelelo ngalunye lwasekliniki.


UKUKHULA

Ukuqwalaselwa kokukhula komntwana yingxenye yesisiseko soncedo lwezempilo. Kuquka ukujongwa rhoqo komlinganiselo wobunzima bomntwana (maxa wambi nobude bakhe). Ukuthatyathwa komlinganiselo kuqala ekuzalweni kuqhube de abe umntwana uneminyaka emihlanu ubudala. Ngokufezekileyo, ubunzima bomntwana kufuneka bulinganiswe kanye ngenyanga de abe neminyaka emibini ezelwe, aphinde aye kathathu ngenyanga de abe neminyaka emihlanu ubudala. Umongikazi osekliniki ubhala ubunzima bomntwana kwikhadi elibizwa ngokuba liKhadi leNdlela esingisa eMpilweni. Obu bunzima buthelekiswa netshati yokukhula, ukujonga ukuba ubunzima bukwinqanaba elamkelekileyo lokukhula komntwana kusini na. Ukuba umntwana ubunzima bakhe bungaphantsi kunobo bulindelekileyo, izongezo zokutya ziyafumaneka ezikliniki okanye umntwana uye athunyelwe kwizibhedlele ezikumgangatho ophezulu.


IMIYALELO:

Ukuba undwendwela okokuqala kwiziko lezeMpilo, kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo ze uvulelwe icwecwe lokugcina iimpepha ezineenkcukachazakho. Yiza neNcwadana yakho yesazisi, nalo naliphi na iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye lasesibhedlele, ukuba wawubhalisile ngaphambili kwelo ziko. Yiza neTshati yomntwana ebizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingise eMpilweni.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Iinkonzo zifumaneka mahala.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Inkathalo yasemva kokubeleka (IiNkonzo)
* Screening for Developmental Disabilities in Pre-School Children (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 449 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Road to Health Card (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uJulayi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





