﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > ULwaphulo-mthetho, uMthetho NoBulungisa > Ukunqanda Ubundlobongela > Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Elikhuselekileyo Kuthi Sonke

Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Elikhuselekileyo Kuthi Sonke




ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


INKCAZELO:




Ukhuseleko lwandiswa kweli khulu lokuqala leentsuku, ngokuthi:
* kuqeqeshwe abantu abatsha njengamapolisa emizila kaloliwe kwiKholeji Yoqeqesho yasePhillipi
* kusetyenziswe amavolontiya ahlawulwayo eBambanani ukuze ancede amapolisa emizila kaloliwe.
* kuphuculwe izikhululo zamapolisa kwiingingqi ekugquba kuzo ulwaphulo-mthetho
* kusekwe amacandelo Obundlobongela Basekhaya, Ukhuseleko Lwabantwana Nokuphathwa gadalala ngokwesondo kwizikhululo zamapolisa
* kubanjwe kuvalelwe abathengisi nabathubelezisi beziyobisi



UKUQEQESHWA KWAMAPOLISA EMIZILA KALOLIWE


Ukhuseleko koololiwe luye lwangumba odla umzi kakhulu ixesha elide, ze kwafikelelwa esigqibeni ngenyanga kaCanzibe ngo-2004 ukuzama ukuphinda kuziswe amapolisa emizila kaloliwe koololiwe kwilizwe lonke, kuqalwe ngesixeko saseKapa. Amapolisa amatsha emizila kaloliwe, aya kuba ngaphantsi kweNkonzo Yamapolisa aseMzantsi Afrika, futhi kufuneka kuqala afumane uqeqesho phambi kokuba athunyelwe koololiwe. Ngaphezu kwekhulu labantu abadonga uqeqesho baqalise ngoqeqesho lwabo kwiKholeji Yoqeqesho yasePhillipi kwakweli thuba leentsuku zokuqala ezilikhulu.


AMAVOLONTIYA EBAMBANANI KOOLOLIWE


IPhulo leBambanani Lokhuseleko Koololiwe elisebenzayo ngoku, elibandakanya amavolontiya ajongene nokhuseleko koololiwe, likhokelele ekuhleni kweentshukumo zolwaphulo-mthetho koololiwe ngexa bekusenziwa inkqubo yovavanyo ngexesha leNkqubo Yokhuseleko Ngexesha Leeholide Zehlobo eqale ngenyanga yoMnga ngo-2003 ukuza kuma ngenyanga yoMqungu kulo nyaka. La mavolontiya aza kuqhubekeka esebenza, ehlawulwa de amapolisa amatsha oololiwe abe abekwe ngendlela eyiyo.


UKONGEZWA NOKUPHUCULWA KWEZIKHULULO ZAMAPOLISA


Njengoko amahlomela-dolophu nezixeko kummandla wenqila yeNtshona Koloni ekhula ngokwengingqi yomhlaba nangokwamanani abantu, kukho isidingo sokongezwa kwezikhululo zamapolisa ukuze kugcinwe uxolo ngelixa loku kukhula.

Ngexesha leli khulu lokuqala leentsuku, izikhululo zamapolisa ezintsha neziphuculiweyo zavulwa ukuze ziqale ukumelana nezi zidingo. IKhayelitsha, omnye weyona mimandla iphambili kulwaphulo-mthetho kule nqila yeKapa, kungoku nje inezikhululo ezintathu ezigqibeleleyo zamapolisa, ezibe ngumvuka wokuvulwa ngomhla wamashumi amabini anesibini apha kwinyanga yeThupha kwesikhululo samapolisa esiphuculiweyo saseHarare, eLingelethu, nakwiMpuma yePhillipi yiNkulumbuso noMphathiswa uRamatlakane. Ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yeThupha apha ku-2004 isikhululo samapolisa saseKleinvlei naso sathi savulwa.


UBUNDLOBONGELA BASEKHAYA, UKHUSELEKO LWABANTWANA NAMACANDELO OKUPHATHWA GADALALA NGOKWESONDO


Xa iNkonzo Yophando Yenkonzo Yamapolisa oMzantsi Afrika yayisakhiwa ngokutsha, kwabakho iingcinga zokuba iCandelo Lokhuseleko Lwabantwana liya kususwa ze endaweni yalo kubekwe amacandelo Obundlobongela Elusatsheni, Ukhuseleko Lwabantwana Nokuphathwa Gadalala Ngokwesondo (iiFCS ngamafuphi). La macandelo ebeya kufakwa kwizikhululo zamapolisa kube ke ngoko kusondezwa ubuchwepheshe beli candelo eluntwini.

Ngokuvulwa kwala macandelo matsha aphezulu apha kweli khulu lokuqala leentsuku, kufuneka ngoku kubekho icandelo leFCS elikufutshane nazo zonke izikhululo zamapolisa zaseNtshona Koloni.

Abasebenzi kula macandelo eFCS anobuchwepheshe bokumelana neentshukumo zolwaphulo-mthetho lokuphathwa gadalala ngokwesondo ezenziwe kubantwana nakubantu ababhinqileyo, njengoko benoqeqesho olubanceda ekuphandeni la matyala ngendlela eyiyo kwangelixa baqwalasela iimfuno zamaxhoba.

Amacandelo eFCS avule ngeli khulu lokuqala leentsuku abekwa:
* yiWynberg, esebenza eSteenberg, Diep River, eGrassy Park naseWynberg
* umbindi Kapa, esebenza eKapa nakwaLanga
* iBellville, esebenza eKhayelitsha, eDelft nase-Elsiesriver
* iCaledon, esebenza kwingingqi ye-Overberg
* iMbekweni, esebenza eMbekweni naseVostile
* neVredendal, esebenza eVredendal, eVredenburg, eClanwiliam, naseKlawer.



UKUBANJWA KUVALELWE KWABATHENGISI NABATHUBELEZISI BEZIYOBISI


Ubukho babathengisi nabathubelezisi beziyobisi ezitalatweni kukhuthaza ukungahlonelwa kwamapolisa nomthetho. Kuye kwakho ithemba ke lokuba abathathu kwaba bathengisi nabathubelezisi beziyobisi baya kubanjwa bavalelwe kweli thuba lekhulu lokuqala leentsuku. Kuye ke kwabanjwa kwavalelwa ngempumelelo ababini kwaba bathengisi nabathubelezisi.


Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo >




IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uSeptemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





