



Isicelo sokucima ubhaliso okanye sokuphelisa iqumrhu elingavulelekanga






Inkcazelo

Xa iqumrhu elingavulelekanga elibizwa ngokuba yi-close corporation , lingasaliqhubi ishishini, lingacela uMphathi woBhaliso lweeNkampani  ukuba alicime kuvimba wokubhalisa nokugcina inkcazelo ngeenkampani. Kule meko, amalungu equmrhu kufuneka azise uMphathi woBhaliso ngaloo meko iqhubekayo.

I-CC ingayeka ukusebenza kwaye inqwenele ukucinywa kubhaliso, okanye ingapheliswa. Ezi meko zinganzima kwaye zibenobuchwepheshe, kwaye uMphathi woBhaliso lweeNkampani kufanele anikwe inkcazelo yobuchule.

Ukupheliswa  kwequmrhu kuthetha ukuba iqumrhu elingavulelekanga 

alinako ukuhlawula amatyala ayo;
liyekile ukusebenza ; okanye
amalungu anqwenela ukuzobela impah
la nezinto ze-CC.

I-CC ingapheliswa ngenxa yenkqubo yenkundla yasemthethweni  okanye ukupheliswa kungaba ngenxa yokuzithandela . Ukubangaba amalungu e-CC enza isicelo sokupheliswa kwe-CC ngokuzithandela kwawo, kufuneka ukhuseleko  olusuka kuMphathi woBhaliso lweeNkampani.

Ukucinywa kobhaliso kuthetha ukuba i-CC isusiwe kuvimba wokubhalisa nokugcina inkcazelo ngeenkampani kwaye i-CC ayisekho. Ishishini lingaqhuba ngenye indlela eyahlukileyo, umzekelo, njengeshishini eliqhutywa ngumntu omnye, emva kokuba ukucinywa kobhaliso kugqityiwe.

Isitetimenti esibhalwe nguye nawuphina umntu onomnqweno  kufanele isiwe kuMphathi woBhaliso lweeNkampani.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Inkqubo emayilandelwe

Khuphela oluxhwebhu lunezikhewu kwi-CK6.
Hambisa iikopi eziqinisekisiweyo zeencwadi zezazisi zamalungu e-CC.
Ukubangaba i-CC ipheliswa ngokuzithandela, kufuneka kuhanjiswe iikopi ezimbini zefom ekuthiwa yi-CK6.

Umthetho osetyenziswayo

Close Corporations Act, 1984 , Section 67 UMthetho waMaqumrhu angaVulelekanga, iCandelo 67

Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha phakathi kosuku olunye neentsuku ezimbini ukuze kugqitywe inkqubo yokucima ubhaliso.

Iindleko

R40


Iifom ezigcwaliswayo


Incwadi yokucima ubhaliso lwe-CC .
Resolution for voluntary liquidation, CK 6 

Iinkcukacha zonxulumano



