

Isicelo sokwazisa ngokubhubha

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isatifiketi sokubhubha ngumqulu ogunyazisiweyo okhutshelwa ifemeli yomntu obhubhileyo xa kubhaliswe ukubhubha. Xa umntu welizwe langaphandle ebhubhele eMzantsi Afrika, ingxelo igcinwa kuvimba weengxelo kwaye ifemeli yakhe inikwa isatifiketi esipheleleyo. Kungenziwa izicelo kuyo nayiphina i-ofisi yezeKhaya okanye kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko elimele uMzantsi Afrika ukubangaba wenza isicelo ukwilizwe langaphandle.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi BI-132.
Bhala incwadi enazo zonke iinkcukacha zomfi, uze uyiposele kwi-ofisi yezeKhaya ekufuphi kuwe ukubangaba akukho ofisi yezeKhaya kummandla ohlala kuwo.
Akukho mngcwabo uyakuqhubeka ungekho umyalelo wokungcwaba. Umyalelo wokungcwaba sisatifiketi esinika igunya lomngcwabo kunye nokususwa kwesidumbu kummandla umfi abhubhele kuwo sisiwe kummandla ekuyakungcwatyelwa kuwo. Umyalelo wokungcwaba ungakhutshwa:

sisitafu esigunyazisiweyo sezeKhaya
ngamalungu eNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ekuthiwa yi-South Africa Police Services , okanye
liziko labangcwabi eligunyaziselwe ukukhupha imiyalelo yokungcwaba.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Births and Deaths Registration Act, 1992  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi esifinyeziweyo: Sikhutshwa kwakube kubhaliswe ukubhubha.
Isatifiketi esingafinyezwanga: Isicelo singathabatha iiveki ezisi 8 ukuya kwezili 12.

Entla

Iindleko

Isatifiketi esifinyeziweyo: R11
Isatifiketi esingafinyezwanga: R50

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Application for a death certificate, BI-132 
Burial order, BI-14 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


