
Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

UMthetho weMitshato yeSiko leSiqhelo  wabangumthetho ngomhla we 15 Novemba 2000. Ukubangaba wawukumtshato owawukhona nowawusebenziseka phantsi komthetho wesiko lesiqhelo phambi kwalo mhla, umtshato wakho uyavunywa phantsi kwalo mthetho mtsha. Lo mthetho ukwayivuma imitshato engenelwe emva kwalo mhla, kwaye uchaza imigaqo ekufuneka ilandelwe ngabantu abatshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo ukuze imitshato yabo ivunywe.

Umtshato wesiko lesiqhelo  uyavunywa ukubangaba abantu abatshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo bahambisene nezi mfuneko zilandelayo:

Bobabini aba bantu batshatayo kufuneka babengaphezulu kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala
Bobabini kufuneka bavume ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo 
Umtshato kufuneka kuthetha-thethwane ngawo, kuvuyiswane ngawo kwaye ungenelwe ngokuhambisana nomthetho wesiko lesiqhelo
Ilobola ayingomba oyimfuneko ukuze umtshato wesiko lesiqhelo usebenziseke

Qaphela ukuba le mitshato kudala ivunywa phantsi komthetho wesiko lesiqhelo.

Ndiwubhalisa nini umtshato wam?

Ukubangaba watshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo phambi komhla we 15 Novemba 2000, umtshato wakho kufanele ubhaliswe kwiSebe lezeKhaya. Ukubangaba watshata emva kokuba umthetho uwisiwe, kufanele ubhalise umtshato wakho kwisithuba seenyanga ezintathu emva komtshato.

IMitshato yeSiko leSiqhelo kunye nenkqubo yokuDityanelwa kweMpahla neZinto kunye naMatyala

Yonke imitshato yesiko lesiqhelo engenelwe emva kokuqalisa kokusebenza koMthetho, ikwinkqubo yokudityanelwa kwempahla nezinto kunye namatyala. Oku kuthetha ukuba umyeni nenkosikazi yakhe bahlulelana ngokulinganayo kwizinto abanazo, imali kunye nempahla, kwaye ikwathetha ukuba bahlulelana ngawo wonke amatyala. Ukubangaba aba bantu babini bangathanda ukuba umtshato wabo ubengaphandle kwenkqubo yokudityanelwa kwempahla nezinto kunye namatyala, kuyakufuneka bangenele isivumelwano sekhontrakthi yokuba umntu ngamnye agcine izinto ezizezakhe, phambi kokuba batshate. Ukubangaba bafuna ukutshintsha emva kokuba sele betshatile, kuyakufuneka benze isicelo kwiNkundla ePhakamileyo.

Phantsi koMthetho weMitshato yeSiko leSiqhelo , inkosikazi inelungelo elilinganayo kunye nobume obulinganayo nomyeni wayo bokwenza isigqibo ngomakwenzeke kwimpahla nezinto zabo. Ngoku inkosikazi yesiko lesiqhelo inamandla okungenela isivumelwano sekhontrakthi ngaphandle kokuncediswa ngumyeni wayo.

Ndenza njani xangaba umyeni wam ufuna ukutshata omnye umfazi?

Umyeni kufuneka angenele isivumelwano esibhaliweyo/ikhontrakthi ebhaliweyo eyakuchaza ukuba kuyakwenzeka ntoni na empahleni nakwizinto, kwaye ke futhi umyeni kufuneka enze isicelo enkundleni sokuba ivume ikhontrakthi ebhaliweyo. Inkundla kufanele iqinisekise ukuba zonke iimfuno zempahla nezinto zabo bonke abafazi, ziyakhuselwa.

Senza njani xangaba sifuna ukungenela umtshato wentlalo yoluntu emva kokutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo?

Ukubangaba umyeni akanabafazi abangabanye, ungatshata phantsi komthetho wentlalo yoluntu  ndawonye naphantsi komthetho wesiko lesiqhelo . Kodwa ke, akukho namnye phakathi kwenu oyakubanako ukungenela imitshato yesiko lesiqhelo naye nabanina omnye ngelilixa nitshate phantsi komthetho wentlalo yoluntu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Umyeni okanye inkosikazi, angabhalisa umtshato kwiSebe lezeKhaya elikufuphi kuye. Kulicebo elihle ukuba bobabini abalingane bayokubhalisa umtshato bebobabini ukuze ubhaliso lukhawuleze. Kodwa ke, ukubangaba omnye umlingane uyala, ungabhalisa ngokwakho uze ke uphathe ubungqina obuyimfuneko.

Phatha incwadi yakho yesazisi , uze ugcwalise iFom A, ethi: Isicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo/ukubuzisa ngobukho bomtshato wesiko lesiqhelo , ekufuna ukuba unike le nkcazelo ilandelayo:

iinombolo ze-ID, amagama kunye nemihla yokuzalwa yomyeni nenkosikazi
amagama wabazali bomyeni kunye nabenkosikazi kunye negama lenkokeli yemveli okanye amagama eenkokeli zemveli
iinkcukacha zesivumelwano selobola/magadi, kunye
nabantu ababini abangamangqina omtshato 
incwadi esuka kwinkokeli yemveli okanye incwadi ebhaliweyo nefungelweyo 



Ifom kufuneka ingqinwe kwaye isayinwe phambi:

kwegosa elibhalisayo, okanye
umntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi, ochongelwe wona nguMqondisi-Jikelele  ukuze enze imisebenzi ngokwale migqaliselo.



Isicelo kufuneka sifakwe kwigosa elibhalisayo okanye kumntu ochongelwe ukwenza loo msebenzi, ekufuneka yena akunike incwadi evuma ukufunyanwa kwesicelo ngokweFom B, ethi: Ukuvuma ukufunyanwa kwesicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo 
Igosa lobhaliso okanye umntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi uyakusa isicelo kwi-ofisi yengingqi okanye yesithili ekufuphi yeSebe ukuze sifakwe kwincwadi yobhaliso lwenani neenkcukacha zabantu.
Uyakunikwa isatifiketi sobhaliso okanye iFom C, ethi: Isatifiketi somtshato wesiko lesiqhelo .
Gcina isatifiketi kwindawo ekhuselekileyo kuba sibalulekile.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Recognition of Customary Marriages Act, 1998  and related regulations. UMthetho wokuVunywa kweMitshato yeSiko leSiqhelo kunye nemigqaliselo eyayamene nawo)
Amended by the Judicial Matters Second Amendment Act, 2001  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isatifiketi esifinyeziweyo sikhutshwa kwangoko.
Isatifiketi esingafinyezwanga sithabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisixhenxe.
Igosa elibhalisayo liyakukuxelela ukubangaba liyala ukubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo njengoko kucwangcisiwe, kwaye liyakuchaza izizathu zokwala.

Entla

Iindleko

Ezi mali zilandelayo zihlawulwa kwiSebe lezeKhaya :

Ikopi engumphindwa wesatifiketi somtshato wesiko lesiqhelo R11
Ukufunisa kunye nokuveliswa kwencwadi yokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo okanye kwayo nayiphina imiqulu yokuxhasa ngokuphathelelene nencwadi yokubhalisa: R53
Ngaphandle kokuba ke ukubangaba ifunelwa iinjongo ezigunyazisiweyo liziko loRhulumente, ayihlawulelwa:
Ukukhutshwa kwesicatshulwa esithile kwincwadi yokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo: R53
Abalingane bahlawula iR11 kumntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi, ngokuphathelelene nesicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo esifakwe kulo mntu ochongiweyo.


Nceda ubhekise kubantu ekunxulunyanwa nabo kwiSebe lezeKhaya ukuze uqonde ngeendleko ezibandakanyekayo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom ziyafumaneka kwiSebe lezeKhaya

Form A: Application for registration/enquiry into existence of customary marriage 
Form B: Acknowledgement of receipt of application for registration of customary marriage 
Form C: Customary marriage certificate 
Form D: Application for the consent of a commissioner of child welfare 

Isixwayiso: Amafom awafumaneki kwi-internet. Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


