﻿
Amaziko okunqanda ubugebenga e 08600 10 111
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Amaziko okuNqanda uBugebenga abizwa ngokuba zii-Crime Stop luluhlu lwamaziko ekutsalelwa kuwo umnxeba ajongene nokuqokelela inkcazelo kuluntu malunga nezigebenga nezenzo zazo. Uluntu luncediswa ngamagosa asebenza kula maziko okutsalela umnxeba aqeqeshwe kakuhle kudliwano-ndlebe oluphandayo. Oku kulungiselela ukuba ukwazi ukuxelela iNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika ebizwa ngokuba yi-South African Police Services  ngezenzo
Zobugebenga, kwimeko ekhuselekileyo nengoyikisiyo. Ukuba uyathanda ungangalixeli igama lakho. Ii-eyijenti ezifunisayo nezichaza umntu otsala umnxeba azivumelekanga e-Crime Stop ukuba zinike isiqinisekiso sokungachazwa kwegama lomntu oxela ubugebenga. Inkcazelo enikiweyo isiwa kubacuphi.

Amaziko aKhethiweyo okuTsalela UMnxeba we-Crime Stop akwanxulumanisa abaxeli bobugebenga nqo nabaphandi, ngenkqubo yenkomfa yasemnxebeni. Oku kulungiselela ukuba igosa eliphandayo likwazi ukudlana iindlebe nqo nomxeli wobugebenga.

Qaphela: oku kwenziwa kuphela ngemvume yakho.

Usengazixela izenzo zobugebenga nangobuxhakaxhaka bombane ngokwe-website ye South African Police Service , yona ekwaqinisekisa ukungachazwa kwegama lakho, ngaphandle kokuba wena ubonisa ngenye indlela.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Tsalela umnxeba kwinombolo ye-Crime Stop ethi 08600 10 111.
Igosa eliphendulayo leziko lokutsalela umnxeba liyakukukhokela kwimibuzo ethile kwaye ukubangaba inkcazelo oyinikileyo ingasetyenziswa, liyakukunika inombolo yekhowudi eyodwa.
Ukubangaba inkcazelo ayikabiloncedo, igosa le-Crime Stop liyakukucacisela ukuba kuthenina, kwaye likucebise ngendlela ongafumana ngayo inkcazelo ebanzi.
Inkcazelo esebenzisekayo inxulumaniswa nenombolo yekhowudi oyinikiweyo.
Uyakucelwa ukuba utsalele umnxeba kwi-Crime Stop kwinombolo ethi 08600 10 111 kwisithuba sexesha elithile ukuze uqonde ukuba ingaba inkcazelo oyinikileyo iyasebenziseka na, nokuba ingaba uyavumeleka na ufumane ibhaso lokukuvuza .
Kwixa elizayo, i-eyijenti iyakuxoxa ngenyewe nawe kuphela xangaba inombolo yekhowudi oyinikileyo ichanekile kwaye isazisi ngawe siyangqinelana 'nenkcazelo yobume' eselugcinweni.
I-eyijenti iyakuyiphelisa incoko yefowuni kwangoko ukubangaba ayiqiniseki ukuba ungulaa mntu ubefowune kuqala. Le yindlela yokhuseleko kwaye akukho thetha-thethwano ngayo.
Ukubangaba uxela ubugebenga ngokobuxhakaxhaka bombane, gcwalisa ifom yokunika ingxelo kwi-website ye-SAPS. Kuyakuvezwa inombolo yokwazisa wakube uthumele ifom.
I-Crime Stop iyakugqithisela inkcazelo kwicandelo lophando elifanelekileyo ukuze liphande, kwaye le nkcazelo iyakukhatshwa sisicelo sokuba kunikwe ingxelo yokuqala kwisithuba seeyure ezingama 24 kunye nesiphumo kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka.
Ukubangaba uyavumeleka ufumane ibhaso lokukuvuza kwaye ube ubulicelile, igosa eliphandayo liyakuqulungqa eli bhaso kwaye lifake isibango ngokwe NI 2/2001.
Xa ibhaso lokukuvuza lilungele ukuhlawulwa, i-Crime Stop iyakunxulumana nawe ukuze yenze amalungiselelo entlawulo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Police Service Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Njengoko kuyimfuneko ngokwemigangatho yehlabathi yeenkqubo zokuNqanda uBugebenga, akukho sazisi senombolo okanye naziphina ii-eyijenti zokufunisa nokuphanda ezivumeleke kwindawo yeziko le-Crime Stop, njengoko oko kungabeka emngciphekweni kanobom ubudlelwane bokuthembana malunga nokungachazwa kwegama phakathi kwe-SAPS nomxeli wobugebenga.
I-Crime Stop iyakugqithisela inkcazelo enikiweyo kwicandelo lophando elifanelekileyo ukuze liphande, kwaye le nkcazelo iyakukhatshwa sisicelo sokuba kunikwe ingxelo yokuqala kwisithuba seeyure ezingama 24 kunye nesiphumo sophando kwamsinyane kangangoko kunokwenzeka.
Ukubangaba uyavumeleka ufumane ibhaso lokukuvuza kwaye ube ubulicelile, igosa eliphandayo liyakuqulungqa eli bhaso kwaye lifake isibango ngokwe NI 2/2001.
Xa ibhaso lokukuvuza lilungele ukuhlawulwa, i-Crime Stop iyakunxulumana nawe ukuze yenze amalungiselelo entlawulo.

Entla

Iindleko

Umnxeba osuka kwi-Telkom: Umnxeba wokwabelana 
Iminxeba esuka kwiiselulafowuni: Uhlawuliswa ngokwamazinga esiqhelo

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho mfuneko yokuba ugcwalise iifom njengoko ubugebenga buxelwa ngokomnxeba. Nangona kunjalo, ukubangaba uxela ubugebenga ngokwe-website ye-SAPS, gcwalisa ifom yobuxhakaxhaka bombane yokunika ingxelo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


