






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ilungelo Lobunini

ILUNGELO LOBUNINI




ILUNGELO LOBUNINI

UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ubeka isinyanzeliso esilungileyo kumacandelo ombuso ukuba asasaze ulwazi olufunekayo eluntwini nolugcinwe ngumbuso kangangoko anakho kwanangeyona ndlela ingachithi mali:
* "Ulawulo apho uluntu lwazi onke amanyathelo karhulumente kufuneka lukhuthazwe ngokubonelela uluntu ngolwazi oluvela kwangexesha, olufumanekayo kwanoluchanekileyo." UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika s195(g)
* "Ukusetyenziswa kolwazi olululo, oluphuhlisa uqoqosho nolusebenzayo kufuneka kuphuhliswe." UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika s195(b).

Sikholelwa ekubeni eyona ndlela yokusasaza ulwazi olufunwa luluntu nolugcinwe ngumbuso ngeyona ndlela ingeyonkcitha-mali kukuvumela abanye abantu baphinde bavelise olo lwazi ngaphandle kokudleka ngezimali - futhi lukhutshwe luse lulo. Sithi ke ngoko sikholelwe ekubeni ukuvunyelwa simahla kodwa ke phantsi kwemiqathango yokunikezelwa kwamalungelo okuphinda kuvezwe olo lwazi kumaphepha akhuthaza intsebenziswano noluntu yiyo efunwa nguMgaqo-siseko.


IPHEPHA-MVUME LELUNGELO LOBUNINI


Zonke iimpepha eziphuma kwiCape Gateway ziphantsi kwemiqathango yamalungelo obunini bukarhulumente ngokwemigaqo yomthetho I-Copyright Act ka-1978. Akukho miqathango yamalungelo abunini kwi:

* Kwizibhalo ezisesikweni ezikumila kuyimigaqo, ezolawulo nezemithetho, kuquka neenguqulelo zazo ezisesikweni.
* Iintetho zezopolitiko
* Iintetho eziwiswe ngexesha leenkqubo zomthetho
* Iindaba zosuku, ezisisiqingatha nje solwazi lwamaphepha-ndaba

Unakho ukuphinda uvelise ezi zibhalo ngokukhululekileyo.

Ungaphinda uzivelise izibhalo ezinamalungelo obunini (ngaphandle kwezo zizezamanye amaqurhu) kule website ngeenjongo ezingenaminqweno yangeniso nangayiphi na indlela uzisasaze ngaphandle kokufumana imvume. Oku ke kuphantsi kwesidingo sokuba uphinde uvelise ezo zibhalo njengoko zinjalo, yaye zingekho kwindlela ethukayo, esengela phantsi okanye elahlekisayo.

Apho ushicilela okanye ukhuphele oku kubhaliweyo kubanye abantu kufuneka uchaze ukuba kuvela phi (kuquka ne-URL) kwanobume bako ngokwamalungelo oshicilelo nobunini.

Unakho nokuphinda uzivelise izibhalo ezinamalungelo obunini kule website ngeenjongo zokufumana ingeniso, kodwa ke kufuneka kuqala ucele ze ufumane imvume yokuzisebenzisa ngeenjongo zokufumana ingeniso.

Iphepha-mvume lokuphinda kuveliswe okubhaliweyo aliziquki izibhalo ezinamalungleo obunini kwiimpepha ezizezamanye amaqumrhu. Oku kuya kusoloko kubonakala ngolu phawu  luncanyathiselwe egameni lalowo unamalungelo obunini.) Kufuneka ufumane imvume yokuphinda uvelise lo nto ibhaliweyo kweloo qumrhu linamalungelo obunini.

Awunakuyisebenzisa imifanekiso okanye eminye imsebenzi yobuchule ebandakanywe kule website ngaphandle kwemvume kaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni.

Nceda uqhagamshelane ggrammer@pgwc.gov.za ngemibuzo enento yokwenza nokufikelela nakweziphi na iimvume ezichazwe kweli phepha-mvume.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 8 uMeyi 2008



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





