

Isicelo sokuguqula inkampani ibeliqumrhu elingavulelekanga

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iimfuneko zokuphatha nokulawula iqumrhu elingavulelekanga ekuthiwa yi-close corporation  zinobuceducedu bogunyaziso nobunzima obungcono kunobo benkampani. Ngoko ke, amagosa aphezulu esigqeba senkampani angagqiba ekubeni aguqule inkampani ebhalisiweyo ibeyi-CC.

Ukubangaba nalo igama lizakutshintshwa xa inkampani iguqulwa isenziwa i-CC, kufanele kuthunyelwe ikopi yefom evunyiweyo ekuthiwa yi-CK7 nesicelo sokuguqula.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khuphela oluxhwebhu lunezikhewu kwi CK7 ukuze ubeke igama le-CC ukubangaba igama liya kutshintshwa.

Khuphela oluxhwebhu lunezikhewu kwi, CK4  kunye ne-CK1.

Hambisa incwadi echaza igosa elitsha eligunyazisiweyo elimele iinkonzo

Hambisa incwadi evela kumphicothi weencwadi zemali wenkampani ngokweCandelo 27   lomThetho wamaQumrhu angaVulelekanga . Le ncwadi mayichaze ukuba ngubani lo mphicothi weencwadi zemali mtsha.

Hambisa iikopi zeencwadi zezazisi zawo onke amalungu e-CC.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Close Corporations Act, 1984 , Section 27 (UmThetho wamaQumrhu angaVulelekanga

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iintsuku ezine ukuya kwezintlanu ukuze kuqhubekiswe isicelo.

Entla

Iindleko

R100

Entla

Iifom ezigcwaliswayo


Lemiqulu ifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.

Application for conversion of close corporation CK4 

Founding Statement, CK1 (Isicelo sokuBhalisa iQumrhu elingaVulelekanga CK7

Application for reservation of name or translated form or shortened form of a name of a company, CK7 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


