﻿
Isicelo sokuguqula iqumrhu elingavulelekanga libeyinkampani
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iqumrhu elingavulelekanga ekuthiwa yi-close corporation  lisenokuba likhule ngokuvokothekileyo, kwaye ukuze liqhubeke ukwanda, abanikazi bezabelo bafuneka ukuba bafake imali eyongezelelweyo kwi-CC.

Okanye, kusenokuba i-CC ikhuphisana neenkampani ezinkulu kwaye ifuna ukubayinkampani ukuze yenze imisebenzi yayo izinziseke kwaye ikhuphisane ngamandla.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukubangaba igama le-CC lizakutshintshwa, kufuneka kuzaliswe ifom ekuthiwa yi-CM5.
Yenza ikopi yefom ekuthiwa yi-CM1 ukuya kutsho kwi-CM44C
Faka isitetimenti esisuka kwigosa elimele iinkonzo zequmrhu elingavulelekanga.

Ukubangaba kukho iinguqu eziyakwenziwa, umzekelo ilungu elishiya isikhundla , ukutshintsha kwexesha ekuphela ngalo unyaka-mali okanye kuqashwa igosa elitsha elimele iinkonzo, kufanele kufakwe ifom ekuthiwa yi-CK2 kunye ne-CK2A phambi okanye emva kokuguqulwa kwequmrhu. Iifom zokulungisa iqumrhu elingavulelekanga zizaliswa kwi-online.

Akunyanzelekanga ukuba igosa elimele iinkonzo kunye nomphicothi weencwadi zemali kwiqumrhu elingavulelekanga, ibengumntu omnye.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Companies Act, 1973  UmThetho weeNkampani)

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukubangaba akukho miqulu efakwe ngokwahlukeneyo kwimiqulu yenkampani, kuya kuthabatha iintsuku ezimbini ukuya kwezintlanu ukuze kuguqulwe iqumrhu elingavulelekanga libeyinkampani. Ukubangaba imiqulu ye-CK yafakwa ngokwahlukileyo, inkqubo iya kuthabatha iiveki ezintathu ukuze igqitywe.

Entla

Iindleko

R350, yemimiselo kunye nemigaqo
R50, yokubeka igama

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for reservation of name, CM5 
Authorisation of situation of registered and postal address,CM22   – Ugunyaziso lwemeko yedilesi ebhalisiweyo kunye neyokuposa)
Power of Attorney – Notification to act on behalf of promoters  
Contents of Register of Directors, Auditors and Officers, CM29 
Notice of Consent to change name, or resignation by auditor, CM31 
Certificate to commence business, CM46 
Statement by each director regarding adequacy of capital, CM47  – Isitetimenti esenziwa ngabalawuli malunga nokwanela okanye ukungeneli kwemali yezabelo CM47)
Memorandum of Association of a company having share capital. Imphepha zesicelo zifumaneka kwiSebe lwezo rhwebo neZophuhliso.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


